Ibango ngedolophu yaseDutywa

Isixeko saseDutywaUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

USAPHO lakwaMbasa kwilali yakuMangathi eDutywa lubanga isiqingatha somhlaba wedolophu yaseDutywa lusithi le dolophu yakhiwa kumhlaba owawuthengwe ngukhokho wabo phaya ekuqaleni kweminyaka yoo1900.

Olu sapho lithi liqikelelwa ngaphaya kwekhulu lezigidi zeerandi (R100 million) ixabisa leli bango, ngenxa yezakhiwo esele zimiliselwe ngumasipala kule dolophu.

UMelikhaya Gabelana uthi ukhokho wakhe uJeremiah Mbasa wayesebenza njengetoliki kumantyi waseDutywa ngethuba le dolophu yayikwindawo eyaziwa njenge-Old Idutywa. Idolophu yaseDutywa yasungulwa ngo1858 kwindawo ekuthiwa yi-Old Idutywa, kufuphi naseChizele. Yakhiwa kule ndawo ikuyo namhlanje ukususela ngo 1906.

Ngokwengxelo yosapho, utat’ uMbasa wafaka isicelo sokuthenga umhlaba lo unedolophu yaseDutywa ngonyaka ka1909. Ngonyaka ka1910, uMbasa wasifumana isicelo esimgunyazisa njengomnini womhlaba okwimpuma yedolophu yaseDutywa.

Lo mhlaba uquka iindawo ezifana nerenki ekumbindi wedolophu, indawo apho kukho inkundla kamantyi ukuya kuqhina kwisikhululo seebhasi saseDutywa.

Eli bango lakwaMbasa likwaquka nesiza apho kwakhiwe khona iKing Hintsa TVET College eDutywa, isibhedlele saseDutywa, ilokishi entsha kufuphi nohola wendlela uN2 ngasedolophini kwanehlathi lakwaWillard kufuphi nelali yaseAuckland.

UGabelana, ongusihlalo wekomiti yoluntu lakuMangathi ejongene neli bango, uthi ukhokho wakhe waphulukana nobunini balo mhlaba wedolophu yaseDutywa emva komthetho wohlangahlengiso lemihlaba ephantsi kwabantu abamnyama ngo1913.

Kumaxwebhu abonwe liphephandaba I’solezwe, uluntu lakuMangathi lufake eli bango kumasipala waseMbhashe, uMphathiswa wophuhliso lamaphandle nobuyekezo lomhlaba uGugile Nkwinti kwanoMkomishinala wamabango omhlaba eMpuma Koloni.

Usapho lakwaMbasa lubanga ngelithi lasuswa kumhlaba kakhokho walo emva komthetho wabamhlophe ngelo xesha, owawungafuni bantu bakhe kufuphi nedolophu.

“Sasiwa kwilali yakuMangathi kodwa umantyi welo xesha waye waqaphela ukuba ukhokho wethu (Mbasa) ususwe ngempazamo kuba yena wayenobunini bomhlaba wenxalenye yedolophu yaseDutywa.

“Ngenxa yalo mpazamo, silusapho saye saqalisa ngebango ngo1995 kodwa ngenxa yeengxaki lakhe lema ibango lethu. Siphindile ngo2013 safaka elinye ibango, kwaye ngoku sisalinde ukuva kurhulumente,” utshilo uGabelana.

UGabelana uthi belusapho noluntu lakuMangathi bafuna izabelo kwizakhiwo zoshishino ezikwidolophu yaseDutywa. “Kumhlaba ongekasebenzi, sifuna ukubuyiselwa unjalo. Kwiindawo ekwakhiwe kuzo, sifuna ukubuyiselwa imali futhi ayisokuze ibengaphantsi kwekhulu lezigidi zeerandi,” utshilo uGabelana.

Igqwetha loluntu lakuMangathi uShaheid Schrueder uthi liyaqhuba eli bango kwiinkundla zomthetho, kodwa ngenxa yobukhulu balo lisahamba ngesantya sonwabu.

Umasipala waseMbhashe uvumile ukuba unolwazi ngeli bango, noxa nje usitho umbandela lo usaqhuba kwiinkundla zomthetho.