Ibanjiwe indoda edlwengule abantwana ababini bezidlalela

Kubanjwe indoda enamashumi amane ubudala yaseNgqamakhwe ngamapolisa ala mmandla emva kokuba ithe yadlwengula iintwazana ezimbini, eneshumi kwakunye neneshumi elinesibini ngeminyaka.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uKapteni Jackson Manatha, ithi ezi ntwazana zimbini bezizidlalela emzini womrhanelwa. Ekudlaleni kwazo ziye zatyhilizana zaya kungena kwindlu yomrhanelwa nezifike engaphakathi kuyo umrhanelwa.

UManatha uthi kulapho umrhanelwa aye wafumana khona ithuba lokuzithathela ngolunya edlwengula esi sibini, emane ukutshintshisana ngaso. Esi sehlo senzeke emin’ emaqanda kwilali yaseShweme kuDaza ngomhla weshumi elinesine kule imiyo.

Ingxelo iqhuba ithi abazali baba bantwana bakwazi oku emva kweentsuku kwenzekile. Emva koko abazali babize amapolisa bechaza ngokwenzekileyo ze kwavulwa ityala lokudlwengula.

Amapolisa awasokolanga ambambe kwangoko umrhanelwa nanjengoko esaziwa kwaye eselalini.

Umrhanelwa uye wabanjwa wabekwa ityala lokudlwengula. Ungaphakathi eziseleni nalapho alindele usuku lwakhe lokuvela phambi kwenkundla eNgqamakhwe.