Ibanjiwe indoda edlwengule isizalwane sayo!

Emva kokuba inkosikazi enamashumi amahlanu anesithathu yelali yaseCentuli kuCentane yathi yabhujelwa ngumyeni wayo kwiminyaka edlulileyo, iye yalixhoba lokudlwengulwa yindoda enamashumi amane anesine ubudala nengumninawa womyeni wayo ongasekhoyo.

Ingxelo ephuma kumapolisa ala mmandla, ithi le nkosikazi idlwengulwe yile ndoda iye yagqiba ekubeni ithethe ngesi sehlo kusapho kwaye ivule netyala kwisikhululo samapolisa kuCentane. Oku bekusenzeka kwilali yakuMathole eCentuli kuCentane.

Umrhanelwa uye wabanjwa ngamapolisa akuCentane nekulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala kungekudala. Umrhanelwa ubekwe ityala lokudlwengula.