Ibanjiwe indoda eshishina ngentsangu

Amapolisa aseDutywa abambe indoda enamashumi amabini anesithoba ubudala ngokushishina ngentsangu.

Le ndoda ibanjwe ngecawe kusasa emveni kwentsimbi yeshumi ngakuhola wendlela UN2 eDutywa.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, umrhanelwa ubhaqwe ngethuba esenza ugqogqo amapolisa, nalapho aye amisa imoto eluhlobo lweNissan abhaqa lo mrhanelwa enentsangu.

Agqogqe umva wemoto le naye abhaqa ibhegi emnyama egcwele qhu yintsangu. Intsangu leyo ixabisa imali engange-R9 000.

Umrhanelwa uzakuvela phambi kweenkundla zamatyala kusasa namhlanje eDutywa.