Ibanjiwe inkokeli yebandla laseNgcobo

Banele Mancoba

Inkokheli yebandla ebelingu ndabamlonyeni kwilali yaseNyanga eNgcobo, iMancoba Seven Angels Ministries uBanele Mancoba, ubanjiwe naye ngamapolisa malunga nokubandakanyeka kwakhe kwiyelenqe lokuqweqwedisa, kubulawe amapolisa amahlanu kuquka nejoni kwiveki ezimbini ezidlulileyo kwisikhululo samapolisa eNgcobo.

UBanele kuvakala ukuba ibinguye ungqondongqondo kweli yelenqe lokuhlasela amapolisa nangona nje kudliwanondlebe ne-I’solezwe kwiveki edlulileyo wazenza msulwa, esithi kumdanisile ukubandakanyeka komkhuluwa wakhe uThandazile Mancoba kuqweqwediso lwamapolisa.

UThandazile ukwabo basixhenxe bathi babhubha bedutyulwa ngamapolisa kwikhaya eli lakwaMancoba.

Amapolisa agqogqa kweli khaya emva kokuva umkhondo malunga nabarhanelwa ababulele amapolisa.

Amapolisa aye afumana intlaninge yemipu kweli khaya. Kusapho lwenkonzo iSeven Angels Ministries kwabhubha abathathu kubo kwisixhenxe esadutyulwayo ngamapolisa.

Kwiveki ephelileyo kuvele abarhanelwa abalishumi elinesibini kwinkundla yamatyala eNgcobo, ze kwashiyeka isine ngaphakathi eziseleni, isibhozo sakhululwa kuba ubungqina obungqamana nabo buyekeyeke kweli tyala.

UBanele uvelile ngoMvulo kwinkundla yamatyala, uza kubuyela kwakhona kwinyanga ezayo. Logama abane beza kuvela namhlanje enkundleni eNgcobo.