Amapolisa aseKei Bridge abambe inkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala ngokufunyanwa inezoli ezilishumi elinesine zentsangu. Le ntsangu ixabisa amakhulu amabini erandi.Umrhanelwa ubanjwe ngoLwesibini umhla weshumi elinanye kwinyanga yoMsintsi kwilali yase Ngwane kufutshane neKei Bridge eGcuwa.
Umrhanelwa kulindeleke avele phambi kwenkundla zamatyala aseGcuwa kungekudala malunga netyala ajongene nalo lokufunyanwa enentsangu.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala