Iseziseleni ilindele usuku lwayo lokuvela phambi koMantyi waseMqanduli inkosikazi (23) yelali yakuZangci eUpper Ngqwarha eMqanduli, emva kokuba itshonise ngenjongo intwazana eneminyaka emithandathu (6) kuphela ubudala kuba iphindisa izitya njengoko ingxelo isithi le nkosikazi ithi kuno nyawo lwemfene ngohlobo awathi wabhubha ngalo nowayo umntwana.
Esi sehlo senzeke kwiveki ephelileyo umhla we28 kuZangci ze yona inkosikazi le yabanjwa ngoLwesibini kule veki.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo, ithi, le nkosikazi ibihlala nezihlobo zexhoba ngethuba umntwana wakhe ebhubha kwaye wakrokrela unyawo lwemfene ekwakrokrela nomama wale ntwanana ineminyaka emithandathu ayirhaxise yabhubha kwiveki ephelileyo.
Ingxelo iqhuba ithi umrhanelwa uthathe ixhoba wemka walitshonisa kwidamanyana eliselalini ngamabom ze walishiya apho lirhaxwa.
UCaptain Matyolo, uthi, umzimba wentwazana ubonwe ngabadlula ngendlela sele udada ngaphezulu nekulapho kuye kwabizwa amaPolisa aseMqanduli nathe avula iqwakuqwaku.
Kuqhutyekeko lophando amaPolisa aye abamba le nkosikazi ze iqwakuqwaku ebelivuliwe latshintshwa labalelokubulala.
UMkomishinala wesithili saseOR Tambo, uMajor General Cetyana, uqhwabele izandla oogxa bakhe kwisikhululo saseMqanduli ngomsebenzi okhawulezileyo abawenzileyo wokubamba umrhanelwa.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?