Izakuvela kwinkundla yamatyala eNew Brighton eGqeberha kusasa ngoMvulo inkosikazi eneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala, ejongene netyala lokuxoka neye yavula ityala isithi idlwengulwe ngamapolisa amabini.
Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, ithi, bekonwatyiwe ziitshomi kuselwa kubusuku bangoLwesihlanu kwindlu ethile KwaZakhele ngethuba kuvuka ingxabano phakathi kwenkosikazi evule ityala kwakunye nendoda ancumisana nayo nekulapho indoda le iye yafowunela amapolisa azokulamla.
UNaidu uthi, le nkosikazi ithathiwe yagoduswa ngalamapolisa mabini, emva koko le nkosikazi yabuyela kwindlu yeqabane lakhe apho ifike yaxoka yathi idlwenguliwe ngalamapolisa mabini ebembizele wona.
Ingxaki yexhoba iye yathathelwa phezulu kwangoko wasiwa kwiziko lamaxhoba odlwengulwa nasesibhedlele kwavulwa netyala.
Ngethuba kuqhuba uphando le nkosikazi iye yathetha inyani ngoko kutsho kwengxelo yathi khange idlwengulwe koko ibifuna ukufundisa isifundo iqabane layo.
UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata, usikhalimele ngamandla esi senzo sobuxoki ngelithi singabaneziphumo ezibi.
UNcata uqhube wathi, esi isenzo singcolisa negama labomthetho.
“Ukuvulwa kwamatyala obuxoki kwa elo lityala, kwaye abo bafunyenwe benetyala bakujongana neziphumo eziqatha zengalo yomthetho. Sizakuliphandisisa eli tyala, ukuqinisekisa ukuba liyasombululeka,” utshilo uNcata.
Ityala lokuxoka kwanelokujongela phantsi ingalo yomthetho livuliwe ngakule nkosikazi, kwaye iyavela ngoMvulo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?