Ibanjiwe inkwenkwe eyaluse amakhwenkwe

Ibanjwe yavalelwa ngamapolisa aseBhisho inkwenkwe eminyaka ingamashumi amabini anesibhozo (28) ngezityholo zokwalusa abantwana abangamakhwenkwe.

Ukubanjwa kwakhe kulandela ukuqiniswa kwamaqhina entsebenziswano phakathi kwamapolisa, namasebe karhulumente aquka amapolisa ngeenjongo zokulwa iingxaki zaseSuthwini eMpuma Koloni.

Othethe egameni lesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam uthi intsebenziswano yabo izala amaduna namathokazi okwangoku.

“Siyavuya kakhulu kukukhawuleza kwamapolisa kuba lo mtyholwa ingxelo esiyifumanayo ithi unkabi akalukanga njengokuba esenza eli sikizi lokwalusa nje, sijonge ukwenza ngaphezulu ukulwa iingxaki zokubhubha nokwenzakala kwabakhwetha eMpuma Koloni,” kutsho uNgam.

UNgam uthi sele zibonakele iingxaki kwiindawo ezahlukeneyo zephondo ukusukela oko liqalile ixesha lokwalusa.

Lo mrhanelwa kulindeleke ukuba ajongane netyala lokwalusa ngoku ngekho mthethweni nanjengoko enze oku ngaphandle kokulandela imiqathango eyiyo.

“Akukho namnye umqathango olandelwe ngulo mfo ukwenza lo msebenzi wakhe, kumele ukuba umthetho wenze umzekelo ngaye ukuze nabanye ooqhimgqoshe abajonge ukuxhaphaza abantwana bazibonele ukuba bazakuba sengxakini,” utshilo uNgam.

Isebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli liqinise amaqhina entsebenziswano kunye namapolisa ekuqaleni kwale nyanga ngeenjongo zokulwa ezi ngxaki.

Ethetha egameni lamapolisa oMzantsi Afrika uBrigadiya Malibongwe Ntsabo wathembisa ukuba amapolisa azakuncedisa ukulwa iingxaki zasebakhwetheni. “Thina sizakubamba sivalele nabani ophazamisa ingalo yomthetho ngokumayela nesiko eli lokwaluka, ongalandeli mthetho sizakumnyanzela ukuba enze njalo,” watsho uNtsabo.

Ingxelo kaNgam ithi kuhlangulwe abantwana kwizindlu zabakhwetha ezingekho mthethweni kwiindawo ezahlukileyo zephondo leMpuma Koloni.

“Ewe ukhona umkhwetha osele ebhubhile kweliya lamaMpondo, sikwahlangule elinye iqela bakhwetha ebebegcinwe ngokungekho mthethweni kwaphaya emaMpondweni,” uthethe watsho uNgam.

Aba bakhwetha bahlangulwe baza bathunyelwa esibhedlele ukuze bafumane uncedo.

Usekela umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli kuzwelonke uObed Bapela uthi iMpuma Koloni iyenye yeendawo eziyingxaki kubo beli sebe.

siyabulela.mqikela@inl.co.za