Ibanjiwe intwazana eqhomfe isisu

Kubanjwe owasetyhini onamashumi amabini anesithandathu ubudala ngamapolisa aseDutywa, emva kokubhaqwa ngubhuti wakhe ukuba uqhomfe isisu njengoko ebekhulelwe.

Umrhanelwa ngowelali yaseTaleni eDutywa, ebekhulelwe iinyanga sele ziphezulu kuba isisu besele sibonakala. Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka, uKapteni Jackson Manatha, ithi osele engumrhanelwa ubhaqwe ngubhuti wakhe ukuba isisu silambile asisekho sikhulu njengakuqala. Kodwa umnqa ngowokuba usana belungabonakali ukuba liphi njengomntu oye wabeleka.

“Ubhuti ubuze kudade wabo ukuba siphi na isisu njengoko ebemgqibele ekhulelwe. Akungaphendulwa ngudade wabo ugqibe ekubeni atsalele amapolisa, achaze udade wabo okhuphe isisu. Amapolisa atyelele kwikhaya lomrhanelwa eTaleni, aze afika abhaqa imveku itshoniswe kwindlu yangasese,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa uye wavalelwa ngamapolisa, ulindeleke avele phambi kwenkundla yamatyala aseDutywa kungekudala.