Ibanjiwe intwazana ezenza ugqirha

Intwazana eneshumi elinesithoba (19) yasePolokwane kulindelke ukuba ivele phambi kweenkundla zamatyala kula mmandla ngetyala lobuqhetseba.

Le ntwazana egama linguMaria Mokgobu izenze ugqirha wentliziyo. UMokgobu ubanjwe kwinyanga ephelileyo ngooKhetshe (Hawks) kwii-ofisi zesebe lezempilo ePolokwane elindele ukwenziwa udliwano-ndlebe kwisithuba sengqesho ebesivelile.

Amagosa abenorhano emva kokubona isatifikhethi sakhe sokuba yingcaphephe yentliziyo nathi wasifumana kwiYunivesithi yaseMelika.