Ibanjwa lifundisa abanye ngolwaphulomthetho

“Ukuba bekunothiwa mandizithiye elinye igama bendinakuthi ndinguZenzile kuba andisoli mntu ngoba kule meko yokuchitha iminyaka elishumi elinesihlanu entolongweni.”

Lawo ngamazwi kaMziwonke Sokopo (29) wakwa-N.U. 2 eMdantsane eMonti nongaphandle ngengqawule.

Ebethetha phambi kwenginginya yabafundi baseNotsikelelo, Sikhulile, Mzimkhulu kwa-N.U 1 eMdantsane ngethuba kuvulwa iveki yephulo lokhuselwa kwabantwana (Child Protection Week) lisebe lophuhliso lwentlalo yoluntu eMpuma Koloni kwakunye namapolisa aseMdantsane. Lo msitho ububanjelwe kwisikolo samabanga aphantsi iSikhulule eMdantsane kumsitho obuququzelelwe ngamapolisa alammandla.

Abazali, ootishala, amagosa karhulumente kwakunye nabafundi babonakale bengakwazi ukuzibamba, abanye babazali belila, ngethuba uSokopo eme eqongeni ethetha ekhuthaza abantwana ekubeni mabangabisakuqala nakanye ukuzibandakanya neziyobisi kuba abanakuze babenekamva elihle ebomini, bakufana naye.

USokopo wabanjwa eneshumi elinesithandathu ubudala ngo2001 egwetyelwa ukudwengula kwakunye nokuqhekeza.

Uthi kwakungekho mnandi ngelo xesha, ngaphakathi iinkumbulo zisekho nangoku ngentolongo.

“Ngethuba ndingaphakathi entolongweni ndandisoloko ndinkentezelwa ngu ‘hayi’ wabazali bam kwabe sele kungasekho kubuyisela izinto umva kuba ndandisendingaphakathi entolongweni,” utshilo uSokopo.

Uthi uliphumelele emagqabini ibanga lakhe leshumi engaphakathi ejele.

UBabalwa Ntsimba ongumfundi e-Ulwazi uthe “ongavanga ngobengafuni” ukuva kwimfundiso zikaKopolo.

“Usixelele ngentlalo yasejele, usixelele ngobungozi bokungamva uHayi, usixelele ngeziphumo zokusebenzisa iziyobisi into ishiyeke kuthi ukuba sizikhethele sithathe izigqibo ebomini ezizakuthi zakhe ikamva lethu,” utshilo uNtsimba.