Ibhasari yesebe lezokhenketho

Isebe lezokhenketho kuzwelonke licela kufakwe izicelo zeebhasari ngabemi beli loMzantsi Afrika abangaphangeliyo, ukulungiselela unyaka ozayo ingakumbi kula mcandelo alandelayo:

Public Administration

LLB

Human Resources Development

Communication Science/ Journalism/ Media Studies

Honours: International Politics

Public Relations Management

Tourism Management

Economics

Abantu abafaka izicelo kufuneka:

babengabemi beli loMzantsi Afrika, bafunde kwiziko lemfundo ephakamileyo elisemthethweni, kwaye kufuneka babe kanti bazimisele ukuba bangene kwisivumelwano nesebe lezokhenketho kuzwe lonke.

Lowo ufaka isicelo kufuneka abe kanti akanayo ibhasari ayifumana kwenye indawo.

Abantu abafaka isicelo kufuneka baqwalasele ezi zinto zilandelayo:

1.Iifomu zokufaka isicelo kufuneka ziposwe okanye zisiwe ngqo ngesandla, phambi komhla weshumi elinesihlanu kuJanuwari ka2016

2. Abafaka izicelo kufuneka bagcwalise ifomu yebhasari yesebe, bancamathisele iikopi ezigunyazisiweyo zezidanga abanazo okanye iziphumo zebanga leshumi zokuphela konyaka, isazisi, ubungqina bokubhalisa nesikolo, ubungqina bemivuzo yabazali kunye neleta yokuzicelela indawo.

3. Iifomu zokufaka isicelo zifumaneka kwikhasi lo mnatha * -www.tourism.gov.za

4. Iifomu akuvumelekanga ukuba ziposwe okanye zithunyelwe nge-imeyile

5. Isebe lizakuqhagamshelana nabafundi abaphumeleleyo kwizicelo zabo kuphela.