IBhayi likhalimela ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana

UViwe Mngqushu UMFANEKISO: Sisonke Mlamla

UMasipal’ombaxa iNelson Mandela ubambe indibano
nabahlali baseMotherwell ukulwa
 uxhatshazo nokunukunezwa
kwamanina nabantwana.

Kwababezimase lo mhlangano, kuquka amaxhoba
namasebe karhulumente,  isebe
lesipolisa, amagqwetha osapho, isebe lezoluleko, iqumrhu loomama, iDOXA, NICRO
kwakunye nesebe elijongene nokuxhatshazwa koluntu kwezesondo.

UViwe Mngqushu ongomnye owayelixhoba, ubalise
ngobomi bakhe ukomeleza nokukhuthaza uluntu esithi, yena wayexhatshazwa
ngowayesakuba liqabane lakhe, okwangutata womntwana wakhe.

Lo kaMngqushu ebebongoza uluntu ukuba
lungazifihli ezi zinto ezikumila kunje, kwaye mabasondele kula masebe karhulumente.

Obeququzelela lo mhlangano nobone intswelo
yokuba makuqalwe eli phulo kulo masipala uXabiso Dubase,  udandalazise iingxelo ezithi, iMotherwell
ngenye yeendawo ezitshatshele kunene ekuxhatshazweni kwamanina nabantwana,
ebalula izigigaba zokuxhwilwa kwabantwana nokubulawa kwamanina kule ngingqi.

“Eli phulo aliphelelanga apha, lizakuqhuba lide
lifikelele nakwiziphaluka zeBhayi ezifana neTinarha neDispatch,” utshilo
uDubase.

ULuvuyo Jali obethethela amagqwetha osapho (Family
Advocate), uxelele uluntu ukuba lungoyiki ukusa ezi meko kubo,  kakade ziimeko
abadibana nazo mihla le, ekwakhuthaza abantu ukuba bazame ukusondela kubo,
kwaye la masebe asimahla awabhatalelwa kwabo baneentswelo.