IBhayi likhumbule uHani

Umbutho i-ANC ubambisene nombutho wabasebenzi iCongress of South African Trade Unions iCOSATU ngamafuphi, kwakunye nombutho wamakomanisi kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, ubusindleke isikhumbuzo segqala loMkhonto Wesizwe uChris Hani, kwiholo yaseBhayi.

Abahlali balo masipala bebephume ngobuninzi babo ukuzokumamela intetho engegqala elabulawayo lilwela inkululeko yabantu abamnyama kweli lo Mzantsi Afrika.

Kusenjalo, igqala le-ANC uPallo Jordan wamkelwe njengondwendwe kule dolophu ezakunikeza intetho ngeli qhawe elingasekhoyo uChris Hani. UJordan umchaze uChris Hani njengeqhawe negqala lomzabalazo ngenxa yendima owayidlalayo kumzabalazo weli.

UJordan uhlab’ ikhwelo kuwo wonke umntu waseMzantsi Afrika esithi amaqhawe afana noChris Hani kwakunye noSteve Biko makangalityalwa nokuba sekunjani na. Uqhube wathi, uHani waphulukana nomphemfumlo wakhe kuba elwela inkululeko yalapha eMzantsi Afrika esithi igazi le qhawe uHani lachitheka ukuze abantu abamnyama bafumane inkululeko kweli lizwe, oko makuhlale ezinqondweni zabantu.

“Amaqhawe afana nala kuquka uChris Hani makangaze alityalwe nokuba sekumnyama entla kuba silapha nje kungawo alwa elwela inkululeko ukuze wonke umntu alingane nomnye, kube nonkuthula kwilizwe lethu singamaAfrika,” utsho uJordan.

Ukwathe abantu baseMzantsi Afrika inkululeko yaseMzantsi Afrika yathengwa ngegazi labantu bakweli ayizanga lula, abantu abaninzi baphulukana nemiphefumlo yabo bezabalazela le nkululeko sinayo namhlanje.

Amaqhawe afana nala kuquka ooChris Hani, Solomon Mahlangu, Steve Biko, azabalazela eli abulawa elwela inkululeko yakweli ukuze abantu baseMzantsi Afrika bafumane inkululeko.

Ukwathe abantu beli kufuneka baphathe bafumane yonke into abayifunayo kuba kaloku namhlanje bakhululekile, bangamoyiki urhulumente nombutho oxhuzula imikhala kweli. Kwaye benalo nelungelo lokwenyula umbutho ozakuphatha kulilungelo labo nelo. Oku kulandela emva kweentsuku ezimbalwa umongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma ebesindleke umsitho womqulu wezithembiso ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga kulo masipala umbaxa iNelson Mandela Bay kwibala lezemidlalo eNelson Mandela Bay.