Ibhenele kuNkulunkulu i-ANC

Umbutho weANC eW.B. Rubusana (Buffalo City) ubhenele kuMdali wezulu nomhlaba ngomthandazo ngethuba uthandazela ulonyulo loomasipala oluzayo kumbindi wedolophu yaseMonti izolo.

Lo mthandazo ukhokelwe ziinkokeli zalo mbutho kuzwelonke eziquka uPravin Gordhan, Nosiviwe Mapisa-Nqakula kunye nosodolophu walo masipala uAlfred Mtsi. UMapisa-Nqakula uthi, abanaxhala lanto ngolu lonyulo kodwa bazilungiselele ukuqinisa ulawulo labo koomasipala.

“Asikuko ukuba sinexhala ngolonyulo oluzayo, koko senza amalungiselelo olonyulo njengesiqhelo siqhele ukusebenzisa zonke iindlela xa sisiya kulonyulo,” ucacise watsho uMapisa-Nqakula. Lo mthandazo uqhutyelwe kwiholo yedolophu yaseMonti uhonjiswe ngamanina aphuma kwiimvaba ngeemvaba zaseBCM.

Ecacisa ngemvelaphi yalo mthandazo uMfundisi Zukile Makula uthi bathathe isigqibo sokuba baqhube lo mthandazo kuba banqwenela ukubona ulonyulo oluzinzileyo.

“Eyona nto isisusileyo kukuba umbutho weANC ngumbutho owasekelezelwa ebuThixweni kwasekuqaleni, kwaye yonke into ixhomekeke kuThixo asithandabuzi,” uthethe watsho.

La madoda akwalizwi athi anqwenela ukubona ulonyulo olunoxolo nozinzo ukuze abantu beli lizwe bakwazi ukusebenzisa ilungelo labo ngabaphandle kwengxaki.

Ukanti usodolophu womasipala waseBCM uAlfred Mtsi uthi ngenene abanaxhala le nto ngolonyulo oluzayo.

“Xa kuza ulonyulo kukho izinto ezininzi eziqhubekayo ukuthandaza ke ayiyonto ingamnkelekanga, kuba kukwakho nemibutho yezopolitiko ethembisa ngezinto ezahlukileyo ezizakwenzeka,”utsho uMtsi. Lo ka Mtsi uthi ingxaki ezivela ngexesha lonyulo ziye zivule iingcango kwizaphuli mthetho.

Ukanti iinkokheli zombutho weANC zikweli leMpuma Koloni ngokukodwa kwingingqi yaseBCM kwezi ntsuku zinqanda amanzi engena endlini ngenxa yeengxaki ezivelela lo mbutho wakudala. “Sijikeleza eMpuma Koloni nakwezinye iindawo zelizwe kuba amalungu epalamente asekhefini ngoko ke silungiselela ulonyulo njengesiqhelo ngokujikeleza kwezi ndawo,”uthethe watsho uGordhan.

Uthi ukuthandazela ulonyulo kubalulekile kuba kuzakunqanda iingxaki ezinokukhoboza imeko yezimali kuzwelonke. Usekela mongameli wombutho weANC uCyril Ramaphosa uphakathi kweenkokheli ezilindeleke ukuba zizekufika kweli leMpuma Koloni kule mpelaveki.

Lo mthandazo uqale kwizakhiwo ze ofisi yalo mbutho iW.B. Rubusana eOxford eMonti baza kamva bagqithela kwiholo yedolophu.