Ibheyile kwabaphazamise ukubhaliswa kovoto

Abahlali basePolar Park eMthatha ababanjwe ngeCawe ngezityholo zokudala udushe esidlangalaleni bakhululwe yinkundla kamantyi waseMthatha.

Aba bahlali balishumi nesixhenxe (17) bayinxalenye yeqela eliphazamise ubhaliso lovoto ePolar Park ngempelaveki, bevalela amagosa ekomishoni yolonyulo ezimeleyo ukuba angene esikolweni, kungelo thuba kubizwe amapolisa babanjwa.

Abahlali abathandathu kubo bakhululwe ngesilumkiso lo gama abalishumi elinanye bekhululwe ngebheyile yamaR500 umntu emnye.

Ngethuba bevela enkundleni, abantu bale ndawo bebezalise inkundla bezonika inkxaso koogxa babo.

USimphiwe Ralarala obebanjiwe wakhululwa ngesilumkiso, uthi ingqumbo yabo ibangelwa kukungafakelwa mbane abewucela kumasipala weKSD ukususela ngowe1998.

“Kudala sithetha nosodolophu weKSD uNonkoliso Ngqongwa, kodwa asifumani nto inasihlahla. Ukubanjwa kwethu silwela amalungelo ethu kuthetha ukuba urhulumente akasikhathalelanga, kuba bekumele bezile bazosicacisela kungadlalwa ipolitiki sisokola,” utsho uRalarala.

Uninzi lwabahlali ababanjiweyo lulutsha, kwaye akukho mpahla yonakalisiweyo ngethuba logwayimbo.

UZamekile Mthetho osele ekhulile okhutshwe ngebheyile uthi, abayamkeli eyokubanjwa kuba badutyulwe ngeembumbulu zeRubber ngamapolisa abanye babo bangeniswa esibhedlele bonzakele.

Uthi bafuna umbane hayi enye into. UZincedile Tiya omele abahlali uthe, inkundla ayinamandla akuthintela ilungelo lokugwayimba labahlali,wacela kukhululwe abarhanelwa ngesikumkiso.

USonwabo Mampoza othethela umasipala waseKSD uthe: “Umasipala unolwazi ngesicelo sabahlali basePolar Park ukususela kunyaka ophelileyo kwavunyelwana nosodolophu neenkokheli zabahlali ukuba kulungiswe imeko yamatyotyombe phambi kokufakwa kombane kula ndawo. Sele lwenziwe uhlolo lisebe lezamandla nomasipala.”

Ityala limiselwe umhla wama-26 kwinyanga ezayo.