Ibheyile yeR35 000 kusomashishini owathengela umanejala kaMasipala iBenz

Abahlali beme phambi kwenkundla yamatyala yaseMnquma Umfanekiso: Anele Raziya

UManejala woMasipala waseMnquma, uSindile Tantsi, obekwa ityala lorhwaphilizo kunye nobuqhophololo udluliselwe kwisibhedlele esiseMonti ngenxa yokuba engaphilanga.

UTantsi bekumele ukuba uvele ngaphambi kwenkundla yamatyala ekunye nosomashishini owaziwayo eGcuwa, uSive Nombembe, namhlanje.

Umtshutshisi ochophele eli tyala, uDaniso Khethani, uxelele inkundla ukuba uTantsi udluliselwe kwisibhedlele saseMonti emva kokuba ethe akaphilanga watsho enikezela nangephepha likagqirha elitshoyo.

Izolo ebelindeleke ukuba avele okokuqala ngaphambi kwenkundla yamatyala, kodwa wathi akaphilanga. Lo nto inyanzelise ukuba lihlehliselwe unamhlanje ityala.

Inkundla iqhubile kunye noSive Nombembe, ongumrhanelwa wesibini kweli tyala, nobekwa ityala lobuqhetseba kunye nokunganyaniseki emva kokubanjwa kwakhe libutho looKhetshe izolo

Inkundla ithi uNombembe uxhamle kwithenda kuMasipala waseMnquma waze wafakela abantu imali, wathengela noTantsi imoto eluhlobo lweMercedes Benz – ekubonakalayo ukuba wayembulela ngayo.

Kuphando olwenziwe libutho looKhetshe kuyafumaniseka ukuba bukhona ubuqhetseba obenzekayo ngexesha kunikezelwa ngeethenda.

Umtshutshisi uKhethani uthi bukhona ubugqina obubonakalisa obu buqhetseba.

Kwaye uthi bukhona nobungqina bemoto ethengwe nguNombembe, eyithengela uTantsi.

Kodwa sekunjalo inkundla yaseGcuwa ivumile ukunika lo somashishini ibheyile yamashumi amathathu anesihlanu yamawaka eerandi (R35 000) emva kokuba efake isicelo sayo kwingxelo efungelweyo nachaza ukuba uzakusebenzisana nengalo yomthetho.

Kwa kule ngxelo ifungelweyo uNombembe uthe akanatyala kodwa uzakuyixelela inkundla lo nto xa liqhuba ityala.

Inkundla imnike imiqathango ethi angasondeli kula ndawo wayethengele kuyo uTantsi imoto, kwaye ahambele kude kumagosa womasipala waseMnquma, ingakumbi lawo akwicandelo elikhupha iithenda, kuba lo nto ingaphazamisana namangqina.

Umrhanelwa wokuqala kweli tyala, uTantsi, uzakuhlala eselugcinweni lwamapolisa nangexesha engaphilanga.

Ityala limiselwe umhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyoKwinda ukuba kwenziwe uphando oluphangaleleyo kwaye kulindwe noTantsi alulame.

Abahlali bathi nokuba ubuye nini uTantsi uzakubuya inkundla zamatyala zisamlindile.

Othetha egameni labahlali uNocwaka Bizana uthi okusalayo uTantsi zizakumlinda iinkundla zamatyala.