Ibhodi yeefilimu nopapasho

Pha kwisebe lezoNxibelelwano loMzantsi Afrika kukho ibhodi ehlalela ukugqiba ukuba imiboniso bhanyabhanya, iinkqubo zikamabonakude kunye nezinye izinto ezithi zipapashwe zingabonwa nangubani na.

Le bhodi, eyaziwa njengeBhodi yeeFilimu noPapasho (FPB) ikwiphulo lokujikeleza uMzantsi Afrika kwezi veki zilandelayo, ngeenjongo zokufundisa abantu ngomsebenzi wabo kunye nokuthatha uluvo loluntu.

Konke oku kulandela ingxwabangxwaba ye-Inxeba ekuthiwe ayifanelanga ukubukelwa ngabantu abangaphantsi kweminyaka eli-18 ngenxa yokulalana kwabantu kuyo.

Ingena apho ke iFPB. Siliphepha siye safumana ithuba lokuthatha inxaxheba kwenye yezi ndibano nalapho bekukho iinkosi ezibonakalise ukukhathazeka ngendlela ekuye kugqitywe ngayo ngokuba umboniso othile ufanele ukubukelwa ngabantu abatheni.

Kuvele noluvo lokuba uninzi lwabazali abazijongi izinto ezibukelwa ngabantwana babo kwaye amanye amakhaya aye abe noomabonakude ababini. Naxa kubhalwe oo “PG” (Parental Guidance) okanye 18 okanye 16 kufumaniseka ukuba abantwana bayazibukelela umabonakude.

Kuphinde kubekho nomngeni kaSABC kunye noMultichoice (kaMzansi Magic) ongalandeli imiqathango yale bhodi. Wofika pha kuMzansi Magic kukho iinkqubo ezithuka mpela neziveza ubundlobongela obugqithisileyo kodwa ibe isithi PG qha, akukho kwasilumkiso esingu L (Language) okanye V (Violence).

Ingaba na sibethwa kukungazi okanye mhlawumbi sihleli kwelokuba umabonakude awunagalelo lingako kwindlela abantu abaziphatha ngayo? Awuphazamisi ngqondo? Yimibuzo ke le ekuza kujikelezwa nayo.

Owona ungundoqo ngowokuba singenza njani ukuqinisekisa ukuba izilumkiso zenkqubo ziyalandelwa kwaye abantu abangafanelanga ukubukela loo nkqubo abafikeleli kuyo?

Sekukho neefowuni ngoku apha abantwana bafikelela nakwizinto ezingaphezu kwezi zikumabonakude. Inene, ukuba ithemba lethu sakulibeka kooFPB kwakonakala.

Ingathi abazali ngebedlala indima ekuqinisekiseni ukuba abantwana babo ababoni yonke into le.