Ibhokhwe izele amatakane amahlanu

Ibhokhwe yakwaDangisa ezele amatakane amahlanu UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Imazi yebhokhwe ezele amatakane amahlanu ngexesha elinye ibangele umothuko novuyo kusapho lakwaDangisa eSantombe eMaXesibeni (Mt Ayliff), nto leyo enyanzele ukuba urhulumente wephondo athumele iinzululwazi ukuba ziyokujonga ukuba inokuba yintoni unobangela.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, umnini wezi bhokhwe umam’ uNontuthuzelo Rose Dangisa uthi le bhokhwe izele ngomhla wokuqala kule nyanga yeThupha, amathokazi amathathu namaduna amabini.

“Bendothukile kakhulu, kuba into yamatakane amahlanu andizange ndiyive kwasembalini. Ndonwabile, kuba yintsikelelo le. Kothuke nabantu belali, kuba bayaqala ukubona into enje.

“Le bhokhwe kudala izala amawele, kodwa zange izale amatakane adlula kwisibini (amawele). Zonke iibhokhwe zalapha ekhaya, azizange zadlula kumatakane amabini, ziqhele ukuzala amawele,” utshilo uDangisa.

“Ndiqale ukufuya ngo1992. Indothuse kakhulu le yale bhokhwe ezele amatakane amahlanu, ndiqale ndangakholelwa ukuba ngawayo. Wonke umntu uye wothuka ekuhlaleni ngoba iyaqaleka apha eMount Ayliff ukwenzeka. Le ndawo sikuyo yindawo eyomileyo kakhulu njengokuba kusebusika kuye kufuneke imfuyo yakho uyincedise kakhulu ngokuyithengela ukutya.”

Le nkosikazi ifuye iibhokhwe ezingamashumi alithoba (90) . Ezingamashumi amathathu anesixhenxe (37) zinamatakane. UDangisa uthi zibalelwa kwisithoba ezizele amawele ukusukela ngomhla wokuqala.

Amaxesha amaninzi ezi bhokhwe zitya emahlathini. UDangisa uthi umane ethengisa kwezi bhokhwe ingakumbi iinkabi. Ngelishwa, elinye kula matakane amahlanu, iduna, sele liwile (lifile), ngenxa yobuthathaka.

Isithethi sephondo kwiSebe loPhuhliso lwaMaphandle nokuHlengahlengiswa koMhlaba, uAyongezwa Lungisa, uthi ngokwembali bayaqala ukuyibona le nto yenziwe yile mazi yakwaDangisa.

“Sele siqalile ukuthetha nalo mfama ukuze sincedise kuba ibhokhwe inemibele emibini, ngoko ke kunzima ukuncancisa amatakane adlulileyo kwisibini. Isebe liza kuxhasa lo mfama ngokutya ukuze le bhokhwe ivelise ubisi oluninzi ukunceda ikhulise amatakane wayo,” utsho uLungisa.

“Njengesebe sinomdla wokuhlola, le bhokhwe, lo mhlambi [wakwaDangisa], kuquka nelali iphela, ukuze sifumanise ukuba kudalwa yintoni oku kuphindaphindana kwamatakane,” utshilo uLungisa.

Ingcali kwimiba yesiNtu, uLoyiso Nqevu, uthi yinto eyothusayo le yenzeke eMaXesibeni. “Ibhokhwe siyazi ngamawele, amatakane amabini. Xa iza kude ifikelele kwisihlanu, yinto eyothusayo. Ngummangaliso lowo! Iinkonde ezindala mhlawumbi zingakhe zitsho ukuba inokuba kuthetha ukuthini oku, kuba yimbali le kwanethamsanqa emzini,” utshilo uNqevu.