Ibholo lesilalo eMnquma

“Wathi mandimunce ilungu lakhe lobudoda, emva koko wandilala esithi ndakuthi ukuze ndifumane umsebenzi kwamasipala ndiqale ndabelana ngesondo naye.”
La ngamazwi wentwazana esebenza kumasipala waseMnquma, ethi yangena kulo msebenzi emva kokulala negosa eliphezulu kulo masipala. 
Eli gosa asinakulichaza nanjengoko lingekaveli enkundleni nangona nje ityala sele livuliwe emapoliseni.

Kwakusekupheleni kwenyanga yoMdumba kunyaka ophelileyo, ngethuba le ntwazana yazicelela umsebenzi kweli gosa emva kokufumana inombolo kumntu osebenza kulo masipala.
“Emva koko (eli gosa) landibizela eMthatha, lathi mandililinde ngakwenye ivenkile. Ukufika kwakhe ndamxelela ukuba ndifuna umsebenzi kuba ekhaya siyasokola. Wabuza ukuba inombolo yakhe ndiyifumene kubani na, ndamxelela ukuba ndiyifumene kumntu osebenza phaya eMnquma.

“Emva kokuba ndimxelele ukuba ndifuna umsebenzi, wandixelela ukuba udiniwe, waqhuba imoto yakhe waya eGarden Court, wangena ngaphakathi ehotele endishiya ndisemotweni. Wabuya esithi masiye kwigumbi lakhe. 
Ndafika ndahlala esitulweni kwigumbi elo, yena wakhulula yonke impahla yakhe wahamba ze, ebuza ukuba ndilinde ntoni na mna.

“Ndathi ndisajonge leyo, wathi mandikhulule ndikhwele ebhedini endibuza ukuba andiyazi into yokuba kungenwa ngokwabelana ngesondo kwamasipala.

Ngenxa yokuba ndifuna lo msebenzi, ndakhulula, ndamumunca ilungu lakhe langasese njengoko ebendiyalele. Sabelana ngesondo kungekho nekhondom leyo. Emva kokuba sigqibile wathi masingabisahamba, masilale ehotele.

“Ndamxelela ukuba iqabane lam eGcuwa lifika nanini, ngoko ke andinakulunga ukulala eMthatha. Emva koko saye sayishiya ihotele sisiya eGcuwa. 
Apha endleleni wandixelela ukuba umntu uyalalwa kwamasipala, futhi nanini na xa endifuna uzakundilala,” kutsho eli xhoba lithetha nephephandaba I’solezwe.
Bafika ngenene eGcuwa, layokubekwa kwindawo elihlala kuyo ixhoba.
Emva kweentsukwana lilelwe ehotele eMthatha ixhoba laye lakhumbuza eli gosa libuza ukuba isithuba sengqesho sivela nini na. Okwalandelayo yabangumnxeba ovela kweli gosa, ubiza le ntwazana kwizithuba zentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.

“Wandibizela kumzi wakhe phaya edolophini eGcuwa. Wandiyalela ukuba mandikhulule esithi mandenze oko besikwenze eGarden Court eMthatha. Sabelana ngesondo ubusuku bonke,” kutsho ixhoba.