Ibholo lesilalo kumasipala uMnquma

“Wathi mandimunce ilungu lakhe lobudoda, emva koko wandilala esithi ndakuthi ukuze ndifumane umsebenzi kwamasipala ndiqale ndabelana ngesondo naye.”

 

La ngamazwi wentwazana esebenza kumasipala waseMnquma, ethi yangena kulo msebenzi emva kokulala negosa eliphezulu kulo masipala. Eli gosa asinakulichaza nanjengoko lingekaveli enkundleni nangona nje ityala sele livuliwe emapoliseni.

 

Kwakusekupheleni kwenyanga yoMdumba kunyaka ophelileyo, ngethuba le ntwazana yazicelela umsebenzi kweli gosa emva kokufumana inombolo kumntu osebenza kulo masipala.

 

“Emva koko (eli gosa) landibizela eMthatha, lathi mandililinde ngakwenye ivenkile. Ukufika kwakhe ndamxelela ukuba ndifuna umsebenzi kuba ekhaya siyasokola. Wabuza ukuba inombolo yakhe ndiyifumene kubani na, ndamxelela ukuba ndiyifumene kumntu osebenza phaya eMnquma.

 

“Emva kokuba ndimxelele ukuba ndifuna umsebenzi, wandixelela ukuba udiniwe, waqhuba imoto yakhe waya eGarden Court, wangena ngaphakathi ehotele endishiya ndisemotweni. Wabuya esithi masiye kwigumbi lakhe. Ndafika ndahlala esitulweni kwigumbi elo, yena wakhulula yonke impahla yakhe wahamba ze, ebuza ukuba ndilinde ntoni na mna.

 

“Ndathi ndisajonge leyo, wathi mandikhulule ndikhwele ebhedini endibuza ukuba andiyazi into yokuba kungenwa ngokwabelana ngesondo kwamasipala. Ngenxa yokuba ndifuna lo msebenzi, ndakhulula, ndamumunca ilungu lakhe langasese njengoko ebendiyalele. Sabelana ngesondo kungekho nekhondom leyo. Emva kokuba sigqibile wathi masingabisahamba, masilale ehotele.

 

“Ndamxelela ukuba iqabane lam eGcuwa lifika nanini, ngoko ke andinakulunga ukulala eMthatha. Emva koko saye sayishiya ihotele sisiya eGcuwa. Apha endleleni wandixelela ukuba umntu uyalalwa kwamasipala, futhi nanini na xa endifuna uzakundilala,” kutsho eli xhoba lithetha nephephandaba I’solezwe.

 

Bafika ngenene eGcuwa, layokubekwa kwindawo elihlala kuyo ixhoba.

Emva kweentsukwana lilelwe ehotele eMthatha ixhoba laye lakhumbuza eli gosa libuza ukuba isithuba sengqesho sivela nini na. Okwalandelayo yabangumnxeba ovela kweli gosa, ubiza le ntwazana kwizithuba zentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.

 

“Wandibizela kumzi wakhe phaya edolophini eGcuwa. Wandiyalela ukuba mandikhulule esithi mandenze oko besikwenze eGarden Court eMthatha. Sabelana ngesondo ubusuku bonke,” kutsho ixhoba.

 

Kwityeli lesine besabelana ngesondo, eli gosa laxelela ixhoba ukuba liza kuqeshwa kwamasipala. “Wathi mandise i-CV yam komnye ubhuti ongunogada. Ngenene ndenza njalo. Ndiqale ukusebenza phaya kwinyanga kaCanzibe (2015),” litsho eli xhoba.

 

Kwiinyanga ezimbini emva kokuba ixhoba liqashiwe, eli gosa lathumela umyalezo ngemfonomfono libuza ukuba iphi na le ntwazana. I’solezwe liwubonile lo myalezo womhla wesine kwinyanga yeKhala (2015) kwimfonomfono yale ntwazana. Ngokwalo myalezo, eli gosa libuza le ntwazana ukuba ihamba nabani na. Impendulo ithi: “Ndihamba ndedwa.”

 

Eli gosa libuyisa omnye umyalezo: “Ndilinde ngakwaEskom (eGcuwa).” Ngenene le ntwazana yenza njalo. “Wayokundilala endlini yakhe, esithi mandizazi ukuba ndiqeshwe ngesilalo. Wathi kum, isivumelwano sesokuba xa enqwenela ukulala nam uzakundithumelela umyalezo ngemfonomfono.”

 

Emva kwethutyana, le ntwazana yaxelela eli gosa ukuba ifuna umsebenzi onemali engcono nanjengoko babevumelene, ukuba lo ikuwo ngowokuxhwarha nje. “Akazange andihoye. Ndaqhubeka ndimxelela ukuba makafezekise isivumelwano sokuba uzakundifaka kumsebenzi ohlawula ngcono,” kutsho ixhoba.

 

I’solezwe liyibonile le miyalezo ephakathi kwale ntwazana neli gosa. Omnye umyalezo womhla weshumi elinesithathu kweyoMsintsi (2016) ubuza eli gosa usithi: “Awundilibelanga?” Eli gosa liphendula ngesiNgesi: “We need to talk (kufuneka sithethe).”

 

Ngenene ixhoba liye ladibana neli gosa, bathetha. “Wandixelela ukuba kukho abantu abamleqayo eMnquma, ngoku ucela mna ukuba ndimangale kumasipala ndithi ndidlwengulwe lelinye igosa. Khange ndivume kuba lo mntu athi mandixoke ngaye andizange ndilale naye. Kulapho ndiye ndabona ukuba mandikhuphe imbilini yam yokuxhatshazwa ngulo bhuti,” kutsho ixhoba.

 

Le ntwazana sele iyile kwagqirha ukuya kwenza uhlolo lwegazi nanjengoko esenza njalo amaxhoba akule meko.

 

“Eyona nto ibangele ukuba ndiyokuvula ityala emapoliseni, kukuba ndifuna ukuba lilizwi lamakhosikazi axhatshazwa leli gosa linye. Bayoyika ukuthetha kuba bacingela imisebenzi yabo,” kutsho ixhoba.

 

Ityala lezityholo zodlwengulo ngakweli gosa livulwe kumapolisa aseMonti. Izizathu kukuba ixhoba lithi loyikisela ubomi balo eGcuwa naseMthatha.

Isithethi samapolisa eMonti uWarrant Officer Hazel Mqala ungqinile okokuba ityala lodlwengulo livuliwe.

 

“Amaxwebhu ayamene neli tyala siwathumele eMthatha apho kutyholwa ukuba senzeke khona isehlo. Ngabo abazakuthi baphande ityala eli,” kutsho uMqala.

 

I’solezwe litsalele umnxeba eli gosa liphakamisa ezi zityholo. Ukuphendula igosa lithe: “Akukho nto ndiza kuyithetha mna kuba andinalwazi lwale nto uthetha ngayo.”