Ibhubhele kwiteyitala indoda yakuGatyana!

ULUNTU lwelali yakuLuvundu kwindawo yaseBojini kuGatyana lusakhwankqisekile sisehlo sokubhubha ngohlobo olungaqhelekanga kwendoda enamashumi amathathu anesine ubudala. 


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa kwakunye neziphaluka, uKapteni Jackson Manatha, le ndoda ibiqhuba iteyitala ikhwele yodwa ngethuba kusenzeka ingozi. 


Oku kwenzeke emva kwentsimbi yesithandathu emva kwemini ngempelaveki kuLuvundu.


Umnqa ngowokuba iteyitala khange ingqubane namoto ukuze kwenzeke ingozi.

UManatha uthi ngelishwa ixhoba liye labhubhela kwindawo leyo yexhwayelo lilodwa. 

Ixhoba liqatshelwe ngabazali balo ukuba lilo kwindawo yexhwayelo.

Owona nobangela wokubhubha kwexhoba awaziwa.

Amapolisa akuGatyane alivulile idokethi kwaye ayaphanda.

Ixhoba alichazwanga igama lalo koonondaba de kwaziswe zonke izihlobo zalo.