Ibhubhile inkosikazi kaKaiser Daliwonga Mathanzima

Ubhubhile uNozuko Mathanzima (1933-2017) oyinkosikazi kaKaiser Daliwonga Mathanzima emva kwengulo ende.

Ingxelo yekhaya ithi le nkosikazi yakomkhulu ibhubhele eSt Dominics eMonti ngentseni ngoMvulo wale veki.

Othethe egameni lekhaya nokwangunyana uNkosi Siyambonga Dalimvula Mathanzima, uthi le ngwevukazi ishiya isikroba esingenakuvaleka kwela khaya.

“Umama ebeyindlezane ngandlela zonke kwisizwe siphela, ebethanda imfundo, ethanda ukulima ekwathanda intlalontle kuluntu lonke ekuhlaleni, silahlekelwe kakhulu silikhaya,” uthethe watsho uDalimvula.

Lo mama yinkosikazi yesithathu kuKaizer Daliwonga Mathanzima owayephethe kwiphandle laseTranskei nowayekwa ngumsunguli walo. UNozuko uxhase le ngqanga yakwaMathanzima kwiminyaka yayo enzima ngethuba iphethe iphandle laseTranskei.

“Ubengusihlalo wombutho wamanina waseTranskei owawukhokele uphuhliso loomama iTranskei United Women Organisation (TUWO), kwaphuhliswa oomama kwiindawo ezininzi phantsi kwalo mbutho,” utsho uMathanzima.

Le nkosikazi izibonakalise ubufazi bayo ngokuthi izale abantwana abathandathu ukukhulisa ikhaya lakwaMathanzima.

“Sizelwe sibathandathu, kodwa ababini kuthi abasekho abo nguWavela noBukhosi, abaphilayo ndim uDalimvula, Thumeka, Nobuntu noBukelwa,” ucacise watsho uMathanzima.

UNozuko ebesabelana ngenkundla kweli khaya kunye nabakhuluwakazi bakhe abanguNosandla noNosango.

UKaizer Daliwonga Mathanzima ngunyana omkhulu kaMhlobo Mathanzima, ezalwa nguNogate inkosikazi enkulu yakwaMathanzima.

Ngelinika imbeko kumzila kaNozuko, isizwe sabaThembu baseRhoda bathiya isikolo iNonibe eGwatyu ngegama lakhe, eli ligama lakhe lakokwabo.

Othethe egameni lesizwe samaQwathi eNgcobo, uNkosana uDabulingwe Nzima, uthi ngenene kuzakuvakala ukuvalwa kwale ncwadi yale nkosikazi.

“Sithoba iintloko, sisathula iminqwazi ngenxa yenxaxheba yakhe kwisizwe sabaThembu baseRhoda, umyeni wakhe ebedla ngomncoma athi akakho umfazi obhadle njengaye, kubo sithi tutwini mzi ndini kaRhaxothi,” uthethe watsho uNzima.

Amalungiselelo omngcwabo wakhe ayaqhubeka ekhayeni lakhe eGwatyu ngeenjongo zokumbeka kwindawo yakhe yokuphumla.

“Njengawo onke amakhosikazi akomkhulu uzakungcwatyelwa apha eQamata komkhulu, kodwa umzimba wakhe uzakuqala eGwatyu apho ebehlala khona,” uthethe watsho Dalimvula Mathanzima.