“Xa sisenza umbongo ndibakhumbuza oko ukuba asenzeli kuphumelela siye kwibanga elilandelayo kuphela kodwa senzela ukuba sizuze umyalezo ozakusigcina ubengumphako wethu apha endleleni ukuze xa sixakwa bubomi sirhole utshongo lwendlela. Andizidli ngaleyo into kodwa ndayiphiwa nguThixo namaZizi.”
Oku kuxhonywe kwikhasi lonxibelelwano lubhalwe ngongasekhoyo obeyimbongi nobekwangutitshalakazi odutyulwe ngoMvulo wabhubha phambi kweentsana zakhe ezimbini endlini yakhe kwilokishi iGovan Mbeki eDutywa uNomfusi Potelwa.
Le nzalelwane yaseBolotwa eDutywa ibisaziwa njengoko ibizakhele igama ngokuthanda isiXhosa. Ebephiliswa kukubonga nanjengoko ebeyimbongi yomthonyama ekwayiyo netitshalakazi kwisikolo iDinizulu High School kwase Dutywa.
Ukubulawa kwakhe kothusile ingakumbi kule nyanga yamanina. Amazwi okudlula kwakhe emhlabeni asaphokroka nanjengoko uluntu lusothukile ingakumbi ngendlela adlule ngayo.
Ohlobene noPotelwa uthi balahlekelwe kuba besothukile ngokwehlileyo njengoko ingekangeni ncam. Uthi imibongo ka Nomfusi ibinganemfundiso kuphela ibikwanika nethemba kwaye iphilisa.
UMphathiswa wezobuGcisa, iNkcubeko nezemiDlalo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe, uthi uPotelwa ebengeyombongi qha, ebengutitshalakazi kanti ekwayinkokheli ephuhlisa ekuhlaleni.
UKontsiwe uyalele abomthetho ekubeni basebenze nzima kubanjwe umenzi wobubi ukuze ingalo yomthetho idlale indima yayo ukuze nosapho luve ngcono.
UMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade naye udlulise amazwi ovelwano kusapho, kubafundi nakoogxa bakhe. UGade uthi abo basondeleyo ingakumbi enxebeni bazakufumana uloluko lwasemphefumlweni.
Amapolisa eMpuma Koloni avule ityala lokubulala ayaphanda kwaye akukabanjwa mntu.
Inkonzo yesikhumbuzo izakubanjwa kungekudala kummandla waseDutywa nangona nje kungekaqinisekwa ngosuku.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa