IBlesser, utywala kwanokukhulelwa okungacetywanga

ABAFUNDI ababhinqileyo baseFort Hare baphela bencamela kwiiBlesser ngeenzame zokuqubisana neengxaki zezimali futhi oku kwenzeka kwiindawo apho kuselwa khona utywala nto leyo ekhokelela kudlwengulo kwanokumitha okungacetywanga.

Oku kuthethwe nguThobeka Msengana, oyintloko kwicandelo lothuthuzelo lomphefumlo kubafundi (Student Counselling Unit) eFort Hare, ngethuba eyinxalenye nomsitho obubanjelwe eMonti, nobuququzelelwe yiBhodi eLawula ukuThengiswa koTywala eMpuma Koloni (EC Liquor Board) apho bekugqalwa amacebo wokuncedisa abafundi bebakala lemfundo enomsila ukuze bohlukane nokusebenzisa gwenxa utywala.

Umsitho obubanjelwe eICC eMonti wokulwa nokusetyenziswa gwenxa kotywala ngabafundi baseyunivesithi UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Amanye amaziko abezimase lo msitho aquka iWSU, Rhodes, NMU, Lovedale TVET kwakunye neBuffalo City TVET.

UMsengana uthi abasemagunyeni eFort Hare baqaphele ukuba abafundi bale yunivesithi, eMonti naseDikeni, basela utywala ngenxa yokuba benoxinizelelo ngokwasengqondweni.

Ngenxa yokusela obu tywala ngendlela egwenxa, abafundi baye babe ndlongondlongo, bambi babe ngamalolo, abanye baqhube kakubi kwizifundo, abanye bangayi eziklasini.

UMsengana uthi abanye abafundi bade bangene ematyaleni beboleka iimali zokuthenga utywala.

Eyona nto ibangela ukuba basele utywala, kutsho uMsengana, kungenxa yokufumana uxinzelelo kumxakatho wezifundo, uxinzelelo ngenxa yeCovid-19, ukufumaneka lula kotywala, iingxaki zezimali, ukufuna ukwamkeleka kwiitshomi kwanokusela ngelokuzonwabisa okanye ukuthomalalisa isithukuthezi.

Ingqonyela yeBhodi eLawula ukuThengiswa koTywala eMpuma Koloni (EC Liquor Board), uGqr. Nombuyiselo Makala, uthi le nkqubo yokulwa ukusetyenziswa gwenxa kotywala ngabafundi eyunivesithi nakwiikholeji bayiqala ngenxa yeengxelo zokuba abantwana abaninzi kula maziko basela kakhulu utywala.

Umsitho obubanjelwe eICC eMonti wokulwa nokusetyenziswa gwenxa kotywala ngabafundi baseyunivesithi UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Basela utywala ze bangagxili kwizifundo zabo,” utshilo uMakala ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Njengale Bhodi (EC Liquor Board) olunye uxanduva lwethu kukulwa ukusetyenziswa gwenxa kotywala. Savumelana (nabasemagunyeni) ukuba masiye kumaziko emfundo enomsila ukuze sisebenzisane nabo ukulwa ukusetyenziswa kotywala.

“Into esayenzayo kukuqesha abafundi abayi-17, abathweswe izidanga kodwa bengaphangeli, kuba sasicinga ukuba ngabo abaza kunxibelelana lula nabanye abafundi kuba bayabazi. Siyavuya ukufumana ilizwi kubo elithi ukhona umahluko owenziwe yile nkqubo,” kutsho uMakala.

Ukungenelela kule ngxaki yokusetyenziswa gwenxa kotywala ngabafundi, uMsengana uthi bagqibe kwelokuba babe nenkqubo yengxoxo kwiindawo zokuhlala zabafundi (Res Talk Programme), ukuze kuxhotyiswane futhi kulumkiswane. Olunye ungenelelo luquka ukwenziwa kweenkqubo zolonwabo eziquka ezemidlalo, iprojekthi yoncedo loluntu ngeepasile zokutya kwanempahla.

ULuvo Maseti, usihlalo webhunga labafundi kwikhampasi yaseQonce eLovedale, uthi uxanduva abanalo kukubonisa abafundi ngobungozi bokusebenzisa gwenxa utywala. “Okubalulekileyo, kukuba abafundi kufuneka bayazi ukuba zininzi izinto ezinokubonwabisa ngaphandle kotywala. Ininzi ingxaki yotywala kwikhampasi yethu, apho uye ufumanise ukuba abafundi basela nangexesha lokubhala iimviwo,” utshilo uMaseti.