Ibonwe ngobarhiphilili bubulongwe indoda isinda indlu kanti icima ubungqina

Umhlali othethele usapho ekhomba indlu yeRDP ekubhaqwe kuyo umama uNosiphathise Mponyoti Mngqingo onqunqwe umqala ngunyana kamkhuluwa wakhe eNtlonya eXhorha.

Ziyothusa iziganeko zokubulawa kwabantu ababhinqileyo ingakumbi kanye kule nyanga yawo njengoko zinwenwa okomlilo wendiza.

Kwesa kutsha nje sesokunqunyulwa umqala komama uNosiphathise Mponyoti Mngqingo kuNtloya eXhorha nobhaqwe enyengezwe kwindlu yeRDP ngapha kwebhedi egqunywe ngempahla kude ukufuphi nomzi wakhe.

Umama osemtsha uNosiphathise Mponyoti Mngqingo onqunqwe umqala ngunyana kamkhuluwa wakhe eNtlonya eXhorha.

Umfana obulale lo mama nokwalilungu losapho uqatshelwe ngabafazi belali ukuba kukhona okungahambi kakuhle emva kokubonwa kwakhe erhiphilili bubulongwe esinda urontawuli walo mama kuba esitha igazi kwaye ecima ubungqina njengoko igazi lomama beligcwalise indlu yakhe.

Ingxelo ithi umkhuphile kule ndlu wakugqiba ukumbulala wamlayisha kwikiriva umzimba ewusa kwiRDP ekude ukufuphi engahlali mntu apho afike wawogquma ngeempahla ngelakhe ewufihla.

Oku kwenzeke kusasa ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo ngethuba abantwana besesikolweni. Abantwana babuye bengesenaye umama nomakhulu kwi khaya labo ebulelwe wanqunqwa okwenkunzi yegusha umqala kwangumntu abajongene kuye njengoko engubhuti.

Lo mfana waye wabanjwa ngamaPolisa kwilali engaphesheya kuMpane kwaseXhorha emva kokuba ebaleke abahlali xa babemncwina ngemibuzo, ngoMvulo uvelile kwiiNkundla zamaTyala eXhora igama lakhe nguPhila Mngqingo.

UNosiphathise yinkosikazi yomninawa ka tata kaPhila.

Othethele usapho uthi oomama bafika umzukulwana kaNosiphathise ekhala kwaye esindile kwesi sihelegu. Umrhanelwa walinda abantwana baye esikolweni emva koko wangena kumoncinci wakhe, nabathi abawazi owona nobangela wokuba ade ambulale kabuhlungu kanje.

Amanina ale ndawo athi akunqwenelayo kukuba angaze aphinde aphume entolongweni uPhila kuba kakade kudala eyigrogro kubo pha ngaphandle.

UPetros Majola weKhula Community Development Project utyelele kweli khaya eyokugxwala emswaneni, nalapho athithizele nosapho. UMajola uthi akuqaphelayo kukuba iziganeko ezimasikizi zixhaphakile kwezi ntsuku.