Ibulewe yashiyeka iqungquluze esitalatweni indoda eKapa

Lunxunguphele usapho lwakwaLesona kulandela ukubulawa kwelinye lamalungu alo ngentsasa yangeCawa kwindawo yaseMpethe, eNyanga eKapa.
ULydia Nyembe nosisizalwane somfi, uvakalise ukuba uNhenhe Lesona ona-43 ubudala nofunyenwe ebhubhile, ugqibele ukuthetha naye phezolo ngethuba ebefikile kuye ezokucela imali engangeerandi ezintathu khon’ukuze azokukwazi ukuthenga isonka.
“Khange ndiyazi ukuba ndiyagqibelisa ukumbona ngexesha ezokucela imali, kwaye ndibuhlungu kakhulu nangendlela abulewe ngayo,” kutsho uNyembe.
Uthi ebengumntu odla ngokuncedisa kwindawo ekuthengiswa kuyo inyama yegusha kwaye ebengengomntu othanda uchuku.
“Ndothuke kakhulu ngethuba ndifumana umnxeba ngezithuba zentsimbi yesine ekuseni, ndixelelwa ukuba nanko umtshana wam edunduluze kwesinye sezitalato zale ndawo”, utsho uNyembe.
UMarara Lesona nongudade bomfi, uthe akakayikholelwa nangoku ukuba ubhuti wakhe ubashiyile kwaye izakuthatha ixesha ukuzinza lo nto.
Uthi ubhuti wakhe bambulele kabuhlungu nanjengoko kubonakala ukuba ubethwe ngamatye de wabhubha kwaye kufunyenwe isonka nenyama ecaleni kwakhe.
“Silusapho isiphazamise kakhulu le nto kuba asisazi isizathu abulawelwe sona, ade abulawe ngokubethwa ngamatye,” utsho uMarara. 
Uqhube esithi   ebesenza iinzame zokuba ubhuti wakhe afumane isazisi nanjengoko ebengenaso.
UZamuxolo Khethani nongumhlali wale ndawo, uthe esi sehlo siyabothusa kakhulu bengabahlali bale ndawo, kwaye izinto ezimasikizi olu hlobo ziyothusa kwaye zifuna ukuqwalaselwa.
 “Indlela ubundlobongela obande ngayo abantu bajike bazizilwanyana kuba ngubani onokubulala omnye umntu kabuhlungu olu hlobo’.
Watsho esithi uNhenhe ubengumntu ozilungeleyo nje, kwaye bayavelana nosapho kakhulu.
Othethela amapolisa aseNtshona Koloni uFC Van Wyk, uthe unobangela wokubulawa kwale ndoda awukaziwa nanjengoko kusenziwa uphando.
“Ityala lokubulala livuliwe kwaye kusaqhutywa uphando. UVan Wyk uthe nabani na onokuthi abenolwazi ngesi sehlo makafowunele iCrime Stop kule nombolo: 0860010111.