Amaphulo okulwa ubundlobongela kwaneziganeko zokudlwengulwa kwamanina kwakunye nabantwana awafanelanga ibeyinto yeentsuku ezilishumi elinesithandathu, koko makubeyinto yemihla ngemihla kuba udlwengulo nokuxhatszwa kwawo enzeka umhla nezolo.
Oku kuvakele ngethuba iBumb’ ingomso ephantsi kombutho olwela amalungelo amanina iMasimanyane Womens Support Center yaseMonti ibambe umngcelele woxolo apho abahlali baseMdantsane kwaNU9, bebephakamise amaxwebhu anomyalezo ojolise eluntwini othi “phantsi ngodlame”.
Inkokheli yeBumb’ ingomso eMdantsane kwaNU9 uKunjuzwa Madikane, uthi baqaphele iziganeko zokudlwengulwa kwabantu abatsha abadlwengulwayo, ingakumbi abo baphuma kwiindawo zentselo.
UMadikane uthi enye yezinto abayiqapheleyo kwaNU9 kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi njengoko kunezinga eliphezulu lokusetyenziswa kwazo.
Amagosa karhulumente ebeyinxalenye nomngcelele oquka amapolisa kwakunye noonontlalontle.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile