Umbutho ongenzi nzuzo, iButch Enamandla Foundation, iza kunikezela ngeempahla, iipads kunye nokusiwa phantsi kwempumlo kuluntu lwaseMonti kule mpelaveki.
Abahlala ezitalaweni, kwanabo bathengisa ngomzimba, baza kuxhamla kweli linge leButch Enamandla Foundation.
Kweli tyeli, lo mbutho uza kutyelela eQuigney, naseSouthernwood, unikezela oko unako, ze kamva wonwabise ngemidlalo.
Lo mbutho wathi wasekwa nguSiviwe Anda Mhambi, ngonyaka ka2020, ngethuba leCovid-19, ngeenjongo zokunceda abo bangathi ntweni.
“Ndikhule ndingumntwana othandayo ukolula isandla kwabo banabazali abangathathi ntweni. Utata wam usikhulise esixelela ukuba ukhule esokola, kowabo kungekho okuninzi. Ubeye athi xa ethetha asinakuhlala nje kulanjiwe kweminye imizi, de sicuthe koko sinako ukuze kulalwe kutyiwe ngabanye abantu,” utshilo uSiviwe.
Utata kaSiviwe, uNkosinathi Mhambi ongumsunguli weBerlin Advice Centre, nguye otyale imbewu yobuntu kwintwazana yakhe uSiviwe kwasekukhuleni.
Nakuba uSiviwe eqale lo mbutho engenanto, ubenethemba lenkxaso yoluntu, nathi ibiye yanqaba kakhulu kwiminyaka egqithileyo, nto leyo ibibangela ukuba angene kweyakhe ipokotho ukuze afezekise iminqweno yakhe yokunceda uluntu.
“Noko kulo nyaka izinto azisafani, kangangokuba sifumana inkxaso nakwimibutho efana neUbuntu Foundation, eyasekwa nguSebenzile Xatasi,” utshilo uSiviwe.
Kungoku nje, lo mbutho ulungiselela umsitho wokusekwa kwawo ngokusesikweni kwinyanga ezayo, uOktobha. Ukanti ngosuku olo, uluntu luya kuthi lonwatyiswe kangangoko.
Nabani na ofuna ukufaka isandla kweli phulo lokunceda uluntu, ngokunikezela ngeempahla, kunye neepads, angaqhakamshelana noSiviwe kufacebook (Butch Enamandla Foundation), okanye umbhalele imeyile: butchenamandla@gmail.com, okanye umtsalele umnxeba kwinombolo yakhe ethi: 065 623 4109.
Ukuba useMonti kulo Mgqibelo, umhla wesixhenxe, eQuigney naseSouthernwood, zibandakanye nalo mbutho, uzise uncumo kwabo bangathathi ntweni.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns