Ibuyambo kwezomthetho

Kulaa ncwadi ibhalwe ngokugqibeleleyo phakathi kweencwadi ezitshatsheleyo, iTyala lamawele, ngokubhalwe ngumpondo-zihlanjiwe phakathi kwababhali, ubawo uSamuel Krune Mqhayi, lo bawo utshayelela enjenje: “Iintlanga eziMhlophe zithe zakufika kweli lizwe zafumana ukuba abantu beli lizwe baphantse ukuba ziincutshe zomthetho bonke, namasiko abo asekwe phezu kwezibakala, baza ke nabo bacuntsula kanobomi kuloo masiko, nakuloo mithetho yesiXhosa.”

Njengakumthetho wakowethu, kuthi xa kubonwa kwezi nkundla zaseNtshona ukuba ityala liyongamele inkundla kamantyi, lithunyelwe kwinkundla ephakamileyo esingathwa yijaji.

Noku ndiqinisekile kwabonwa apha kowethu, kuba ubawo uMqhayi ukwasityhilela kwakule ncwadi yakhe “Ityala lamawele” ukuba lithe uzengezengenge lwetyala lamawele lakukhangeleka lintsompotha, inkosi yathumela igqiza eNqabarha, ukuze liye kulanda isisele senyathi, uvimba wamava kwezomthetho, inkonde uKhulile, into kaMajeke ize kulamla kwaye ikhombe indlela.

Ngokufanayo nezi nkundla zaseNtshona kuphakanyelwa kuzo ngentlonipho umantyi nejaji, nakwezethu zemveli intlonipho yayigqama ityala lisaqala.

Khumbula kaloku ukuba nakwezethu iinkundla ibisithi xa ivela inkosi eza kuchophela ityala, ithuthwe yimbongi ingashiyi namang`emzini, ibekelwe isihlalo sayo esenziwe ngomthi womnquma nesigqunywe ngofele lwengwe okanye lwengonyama.

Nangona izizwe zaseNtshona zihlala zikhaba ngawo omane xa zikrotyiswa kuluvo lokuba kuninzi ezikufunde apha kowethu, le ntlonipho inikwa lowo uchophela ityala ineengcambu zakwaNtu, iingcambu zakwaXhosa.

Oku kungentla kucatshulwe kwizimvo zikabawo uMqhayi, kwalatha mhlophe ukuba umthetho wethu maXhosa, umthetho wemveli, ngowona mthetho wawugqibelele nowawuqinisekisa ucwangco nobulunga entlalweni.

Kaloku emva kokuhlala kwenkundla yemveli komkhulu, umntu agwetywe ngokunxamnye nentlalo yakwantu, wawungasayi uphinde uve kwakhona kusithiwa lowo ukhe wagwetywa uphinda aphosise kwakhona.

Iinkundla zakowethu zazihlonitshwa, kuba kaloku ubomi ngalo maxesha babusekelezelwe ekuhlonipheni inkosi, ekuyikhonzeni nasekukhonzeni isizwe ngokubanzi. Umntu wayesazi ukuba ukophula umthetho kukudodobalisa nokuhlaza yena nosapho lwakhe, yena nomzi wakowabo kwanesizwe ngokubanzi.

Kutsha nje ngomhla wama-29 kule nyanga sisuka kuyo yoKwindla, kulaa nkqubo yangentseni ithi Laphum`ikhwezi kuMhlobo Wenene FM, bekumenywe elinye lamagqwetha aphume izandla kweli lizwe, ubawo Maseti ukuze aze kuvakalisa ebandla ngephulo lamagqwetha antsundu lokubuyisela imixholo yomthetho wemveli kwinkqubo yomthetho weenkundla zamatyala kweli loMzantsi Afrika.

Eli phulo ngokukabawo uMaseti liza kugxila ekucebeni nasekumiliseleni iinguqu kwezomthetho, nguqu ezo ziza kuqinisekisa ukuba iintsika zomthetho wemveli, umthetho wakwantu, nomthetho obandakanya iinqobo zobuntu bethu kwanenkcubeko yethu, uyabandakanyeka kwiinkundla zikamantyi nakwezo ziphakamileyo zisingathwa ziijaji.

Uluntu oluninzi alunathemba kweli phulo lala magqwetha akowethu kuba lunovakalelo lokuba eli phulo labo livela emva kwexesha elide kakhulu lakhululekayo eli lizwe.

Ngokunokwam ukucinga, ndithi nokuba eli phulo liza sekuhlwile, okubalulekileyo kukuvela kwentlantsi yethemba kunokuba kuthi cwaka zole tu, ukuze umntu ontsundu angaqhubekeki egwetywa ngomthetho ongenazingcambu zakwantu.

Lo mthetho mtsha uza nethemba lokuba ubomi bomntu ontsundu, impilo yomntu ontsundu kwanentlalo yomntu ontsundu, ziza kuthathelwa ingqalelo xa kuxoxwa amatyala naxa kugwetywa abantu.

Okubuhlungu kukuva ukuba naxa ubani esenza izifundo zobugqwetha kumaziko emfundo, uyanyanzeleka ukuba enze iilwimi ezimbini nezithathwa njengeelwimi ezingundoqo kwikhondo lomthetho.

Ezo lwimi ke zezi zikhonya kuzo zonke iimeko neendawo zentlalo eMzantsi Afrika, isiNgesi neAfrikansi.

Okundisusa esihlalweni kundiphathe emanyeni ke kukuba naxa ezi nkundla zomthetho wasemzini zikwiindawo ekuhlala kuzo abantu abantsundu, wofika kusetyenziswa ulwimi lwesiNgesi naxa ityala elo lichotshelwe yimantyi engumXhosa, umtshutshisi ongumXhosa, ummangali nommangalelwa nabo bengamaXhosa. Kude kunyanzeleke kubekho itoliki eza kutolikela lowo ungasilandeli ncam isiNgesi ngeli lixa kuloo nkundla kuhleli amaXhosa odwa.

Kutheni kwinkundla ekwindawo yamaXhosa kungachotshelwa ityala ngokuthi kuthethwe isiXhosa sodwa?

Kutheni amaziko emfundo enomsila angagunyazisi ukuba xa ukwiphondo elinabemi abaninzi abathetha ulwimi oluthile kunyanzelekile ukuba lowo ufundela umthetho kwanamanye amakhondo, alufunde ngokubanzi nangokugqibeleleyo olo lwimi luthethwa sisininzi selo phondo?

Kubawo uMaseti namahlakani akhe kwezomthetho, ndithi kungakuhle kakhulu xa ngenye imini sinokubona iinkundla ezikwiindawo zamaXhosa zigunyazisa ukuchotshelwa kwamatyala ngesiXhosa, iinkundla ezikwiindawo zamaZulu, amaSwazi, amaNdebele, abeSotho nezinye izizwe zama-Afrika, zichophela amatyala ngezo lwimi zesintu, ukuze abantu bakufumane kulula ukulandela iingxoxo zetyala, kube lula ukulandela inkqubo yomthetho, kube lula nokuthetha ngokukhululekileyo kwabantu ezinkundleni bengaqhanwa lulwimi lwasemzini.

Mawethu andigqibi, nto nje ndiyaphakamisa ngelithi ukuba kweli phulo leenguqu lokusondeza umthetho kubuntu bethu, abo benza izifundo zomthetho bangafundiswa nesiXhosa xa beza kusebenza kwiinkundla ezikhonza amaXhosa, kunjalo nje bafundiswe baze bahlolwe nangeencwadi zethu eziveza umthetho wemveli yethu kwanamabakala omthetho wobomi bethu bale mihla.

Phakathi kweencwadi ezininzi ndingabalula ezi: Ityala lamawele ngokubhalwe nguS.E.K. Mqhayi; Umthetho ngumthetho ngokubhalwe nguL.T. Manyase; Inzol`enkundleni ngokubhalwe nguV. Magadla; Buzani kubawo ngokubhalwe nguW.K. Tamsanqa kunye noBulumko bezinja ngokubhalwe nguR. Siyongwana.

Yeyele mawethu, lo mxhathalazo wamagqwetha mawuxhaswe ukuze ubuntu bethu buphile ngonaphakade!