Ibuyela enkundleni intokazi ethi ivusa abafileyo

Lizakubuyela enkundleni ngoLwesine wale veki ityala likaNolonwaba Lapi Mangele otyholwa ngokuthembisa abantu ukuba uzakuvusa izihlobo zabo ezabhubhayo emva kokuthatha imali yabo.

Lo mtyholwa ebevele kancinci kwinkundla kamantyi eStellenbosch ngoLwesihlanu ngezityholo zobusela kwanokulahlekisa abantu kwiindawo ezahlukileyo.

Lo mtyholwa ubanjwe kuMvulo weveki ephelileyo eKatikati kweli leMpuma Koloni eqhubeka nomsebenzi wakhe wokulahlekisa abantu kwangeli qhinga linye. Imantyi ibichophele eli tyala uJumba ulimisele ukuze kuphulaphulwe isicelo sebheyile salo mtyholwa lo gama azakube egcinwe ngaphakathi eziseleni.

UMangele uthembisa abantu ngokuvusa izihlobo zabo aze athathe imali kubo, kwaye akazange abuyise namnye kwabo bantu.

“Mna umntwana wam wabhubha emva kokugula kancinci, ndaze ndaxelelwa ngaye, wathi kum umfumene umntwana umgcine endlwini yakhe eRhawutini, waza wathi mandifake enye imali yeempahla zokunxiba,” utshilo uNomthandazo Nono.

Amapolisa aseKapa azakumthatha kweli leMpuma Koloni lo kaMangele ayakumgalela eKapa emva kokuba evele kancinci enkundleni kamantyi eKatikati.

Liyakhula inani labantu abatyhola le nkosikazi ngelithi yathatha iimali zabo ibathembisa ngokuvusa izihlobo zabo. Amapolisa aseKatikati adize ukuba lo mtyholwa ubanjwe esendleleni esinge kwelaseQongce nanjengoko ehlala ezingela amaxhoba anokuwaxokisa.

“Andikwazi nokuyibala le mali ndiyichithe kulo mama, kodwa eyona nto ibihlungu kukuba isithembiso sokubuyiswa komntu obhubhileyo yinto ebuhlungu kakhulu, akwaba ebenokugwetywa lo sisi,” utshilo uNofungile Dumani owabhujelwa yindoda ekwathenjiswa ukuba izakuvuka.

Amapolisa afumanisa ukuba uMangele ngowase-KZN. siyabulela.mqikela@inl.co.za