Ibuyile iGqom Exp eGcuwa

Bekusele kukudala uluntu lwaseGcuwa neziphaluka lukhumbula umjuxuzo kodwa luvalelwe yiCovid-19.

Kulo nyaka, ngomhla we18 kule nyanga, uyabuya umnyhadala womjuxuzo owaziwa njengeGqom Extra Exploxion kwindawo yakwaKiro’ Lounge eGcuwa.

Umnikazi nokwangumququzeleli weDokotela Team, uBuyile Nana Dunga, uthi iminyaka emithathu abakwazanga kuwubamba lo msitho obizwa ngokuba yiGqom Extra Exploxion, emibini u2018 no2019 ebeseKapa egulelwa ngumzali wakhe, engenalo ithuba, waphela eyenza eKapa. Xa izinto zilunga ngo2020 kwavele kwavalwa izinto elizweni, abakwazi ukuqhubekeka nawo eGcuwa.

“Sibethakele kunyaka ophelileyo. Lo ngumsitho othandwa kakhulu ngabantu baseGcuwa kwaye ndawuqala nabo kwiminyaka emithandathu edlulileyo, sekufana nokuba ngowabo,” utshilo uDunga.

UDunga uthi beyiDokotela Team babethakele kakhulu yiCovid-19.

“Isityise kakhulu ngendlala iCovid-19 thina bantu bemisitho. Kwaye nooDJ bethu abasakhasayo babethakele kakhulu.”

UDunga uthi ngalo msitho kuza kuthi kudaleke namathuba engqesho nokuba lelo gcuntswana labantu kuba kuninzi okuye kwenziwe kulo msitho.

Uthi uluntu sele luwulungele lo msitho nanjengoko sele kuqinisekise abantu abasuka eKapa, Monti, Mthatha naseDutywa.

Uthi ixhala lona banalo kuba amanani abantu abasoleleke yiCovid-19 ayonyuka kodwa esithi bayathemba bethandaz ukuba uMongameli angavali. Uthi nabo baza kuqinisekisa ukuba imiqathango yeCovid-19 iyalandelwa.

Abalindelekileyo ooDJ ngabaziwayo uMaster Dee, Jeje, Ubiza Wethu, DJ Ligwa, Pepino, Iso, DJ Nani, Zooks, Tyu’Deep, Runey SA nabanye ke.

Ungena ngeR70 phambi kwentsimbi yesixhenxe, emva kwayo ungena ngeR100.

Kwigumbi eliphezulu ungena ngeR200 emva kwentsimbi yesixhenxe yiR250.