ICalabash Publishing iza noncedo kwabafuna ukupapasha iincwadi

EMVA kokuqaphela intsokolo ayibona ebantwini abanesakhono sokubhala kodwa bengazi ukuba bazakupapasha phi iincwadi zabo, uMfundisi Wame Ngcakani wagqiba kwelokusungula umzi wopapasho. Lo mzi, iCalabash Publishing, uqale ukusebenza ngo2013.

UNgcakani uthi oku yaba yimbono engqondweni yakhe kwakudala nangona eye walibhalisa ngonyaka ka2013 eli shishini lakhe elibizwa ngokuba yiCalabash Publishing (Pty) Ltd.

Ukuthanda uluncwadi kuNgcakani lukwafakwe umfutho yimfundo enomsila nanjengoko ene-B.A. Degree kwiEnglish Literature and Music kwiYunivesithi iFort Hare.

UNgcakani sele ekhuphe eyakhe incwadi yesiLungu ethi “From Boys To Men” nefumanekayo kwiivenkile zeencwadi ezithile, wena unomdla wokuyifunda.

Ukanti kwiinzame zakhe sele encede uLungisile Mselane ongunogada weemoto eMonti owayengumntu owayethanda ukubhala imibongo.

“ULungisile wayenephupha lokuba naye ngeny’imini kule mibongo inkenteza kuye entloko yonke imihla uyabawela ukuba ibesencwadini, iphupha lakhe liye lenzeka kuba nantsi siyikhuphile incwadi ethi ‘iZenjana’ nenemibongo yesiXhosa.

Ndamqala phantsi sade sabe siyayikhupha incwadi yakhe nekulindeleke ukuba ibesezivenkileni ngoku ithengwe,” utshilo uNgcakani.

Okwangoku uNgcakani usasebenzela endlini kwakhe, kwaye uthi akakhethi unceda nabani na ofuna ukupapashelwa incwadi yakhe, kodwa uye ancede ezo ncwadi zizakuthi zibenegalelo eluntwini zezo zakuthi zakhe ubani apho akhoyo.

“Sithi abantu thina abamnyama abanamali kodwa amaxesha amaninzi siye sibhalelwe ngabanye abantu amabali ethu esinokwazi nathi ukuzibhalela qha kukuba sibethwa kukungazi ukuba uzakubhala wakugqiba uthini?” kubuza uNgcakani.

ICalabash Publishing (PTY) Ltd ithi kwezinye zezicwangciso zayo njengoko ikhula ngoku kukudala amathuba engqesho nanjengoko ishishini likhula.

Uthi naphi na imiceli mngeni ibakhona kwishishini kodwa uthi kuba ewuthanda kwaye eyiphila le nto ayenzayo akaseva kwabunzima kuba injongo kukuba uluntu malufezekise iminqweno yalo babone iincwadi zabo zingaphandle.

Wena ufuna ukuncedwa ufuna ukupapashelwa incwadi yakho nokuba yimiqulu yenkonzo bhalela uNgcakani kwi-imeyili ethi: thecalabash@yahoo.co.za.