ICamagu alivumi kumachiza aseRhema

KUVELE impixano ngokweenkolo emva kokuba ibandla iRhema Umtata Christian Church (RUCC) lithe lazisa inkonzo yonyango eDutywa.

Impixano idalwe zizikhalazo zabanye abahlali ebebeyokuzifumanela unyango oluququzelelwa yiRUCC nabathe baxelela abenkolo yemveli kweli, Icamagu Institute ukuba iRUCC ayizisanga unyango lenyama nje kuphela, ikwazise nenkolo yakwalizwi.

Ngamakhulu abantu abaphuma kwiindawo ezingqonge iDutywa ebebezokufumana unyango lwamehlo ngoMgqibelo kumabala emidlalo. Eli band- la lizise iintlobo ezininzi zonyango kule ndawo.

UGcinuxolo Futshane uthi, kukho abantu abathe ukusuka kwabo apha, baya kwi- Icamagu Institute besithi banyanzeliswa ukuba bamkele uYesu.

Uthe abayifuni into yokunyanzeliswa kwabantu ukuba bakhethe inkolo yabo, makungadlalwa ngabantu, nokuba bayahlupheka.

“Uncedo lwezempilo asiluchasanga, into axhalabisayo yile yokuba abantu bashunyayezwe kufundwe nebhayibhile.”

Umfundisi weli bandla uLungile Mthiyane uziphikile ezi zityholo esithi, akukho mntu unyanzeliswa ngoKrestu phambi kokuba bafumane unyango.

Uthi, bashumayela ilizwi likaThixo kuba befuna ukubanika ithemba lokuba nguKrestu kuphela onceda impilo yomntu.

“Ngala machiza senzela ukuba kugqame izenzo zobuKrestu ukuze bayibone le nto ndiyishumayelayo.” Ubalise ngelithi umfundisi owongamele eli bandla, uDon Phillips wachukunyiswa kukubona owasetyhini kwiilali zaseMqanduli ebeleke indoda yakhe emva kokuhamba umgama omde esiya esibhedlele.

“Eso siganeko sambonisa ukuba iinkonzo zempilo azifikeleli ngokupheleleyo eluntwini olusemaphandleni, waza wasiyalela silibandla ukuba kubekho lo nto incinci liyenzayo, kwiidolophu ngeedolophu.

Lo msebenzi wenziwa ngoogqirha abayinxalenye yeli bandla, amachiza athengwe ngemali ephuma kwingxowa yebandla.

Kukho nenkxaso efunyanwa leli bandla, kwibandla likaJoyce Meyer waseMelika, nowathi akubona le nkqubo yeli bandla wathumela oogqirha abasuka kwela zwe, nesebe lezempilo kweli phondo, likhuphe iinqwelo ezithile zokuncedisa. Bagaleleke ezinzulwini zobusuku abantu ngelizokulinda ukuza kolu ncedo, kodwa kukho abahambe bengancedakalanga. UZandisile Mbokotwana uncedakele. Ufumene iiglasi zamehlo ezintsha.