Iqale ngolunye nje uhlobo ke le veki. Usaziwayo onguSomizi Mhlongo ugqwashuze waphuma kwiCawe wayokungena kumnatha wonxibelelwano ekhalaza ngomfundisi othe ayondalo into yokuthandana kwabantu besini esinye, “umntu owenza lo nto ngumoni, nezilwanyane aziyenzi into yokulalana nezesini esinye…”
Ukuba ungumntu owakhe waya eCaweni ayonto yothusayo le ithethwe ngulo mfundisi. Kwa ibhayibhile iyangqinelana nalo mfundisi. Ngoko ke ingaba uSomizi ufuna umfundisi atshintshe ibhayibhile ukuze ikholise naye?
Zininzi izinto ezingamnkelekanga eCaweni, baninzi aboni abaya eCaweni, lo nto ayithethi ukuba bonke bazakuphakama bathi “hayi hayi mfundisi, uyandithuka ngoku” xa ekhwela ezehlela kuboni. Qaphela, asithi uSomizi ngomoni. Sithi zininzi izinto ezingakholisi wonke umntu ezithi ziqhubeke eCaweni.
Le nto ihamba ihambe ize kumbuzo obalulekileyo wokuba yintoni kanye kanye isono? Ingaba isono yinto enokuchazwa yiCawe kuphela. Okulungileyo nokungalunganga kusekwe kwinkolo yobuKrestu qha?
Mhlawumbi sifikelele kwixesha lokuba sithethe phandle ngezi zinto ngoba kulawulo lwentando yesininzi ibakhona iyantlukwano.
Pha eKapa, kunyaka ka2003 sakhe sadibana neCawe yabantu besini esinye eyaziwa ngeleGood Hope Metropolitan Community Church eyayigcwele abantu besini esinye abathandanayo nabo batshintshe amalungu abo angasese.
Ngokuthetha nabo safumanisa ukuba babaleka amaKrestu angakwazi ukunyamezela iyantlukwano. Zibuze ke wena mkholwa, mntu olandela ibhayibhile ekhuthaza uthando, uxolelwano, njalo njalo ukuba kutheni sekukho iinkedama zeCawe ngoku?
Abantu bazivulela ezabo iCawe zabucala ngoku. Ngoba? Ngoba iCawe azifuni ukuphila kumaxesha empucuko nenkululeko.
UNgalonkulu uncunyiswe ngoonobuhle bangomso emcimbini obuseGcuwa!