ICawe yenza umnikelo eSajonisi

Icawe iRevelation Church of God iye yaphisa ngokutya neengubo kwabo bashiyeka bengenanto emveni kwezikhukhula ezahlasela eSajonisiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Isengabantu abangaphaya kwamakhulu amabini abasadinga iindawo zokufihla iintloko eSajonisi emva kwezantyalantyala zemvula ezabangela kuwohloke izindlu zabo kuTshazimpuzi walo nyaka.

Sekuphele inyanga begxamisa kwizihlobo nezalamane kwaye umasipala waseSajonisi usacinga icebo.

“Kuyazameka. Eyona ndawo esisasilela kuyo yilena yee ‘Temporary Structures’ kuba iO.R. Tambo nesebe lokuHlaliswa koLuntu balwenzile uphando, ingakumbi apha ezilalini. Ngoku silinde loo ngxelo iza kutsho ukuba masithini. Apha kwaGreen, into esibethayo kukuba akukwazeki ukubanika ii ‘Temporary Structures’ kuba la ndawo ayilungelanga ukuhlala. Kusafuneka silungise into yokukhangela indawo!” kutsho usodolophu waseSajonisi, uNomvuzo Mlombile-Cingo, xeshikweni besamkela umnikelo weengubo nokutya osuka kwiRevelation Church of God yeDr S.B. Radebe Foundation.

“I-S.B. Radebe Foundation oko yazama ukunakekela abantu abadingayo ukusukela ngo2013. Asisebenzeli amalungu ethu kuphela. Sizama ukusebenzela wonke umntu. Phambi kokuba size apha eSajonisi siqale sayokufaka isandla kwiintlekele zaseMozambique, Zimbabwe naseMalawi,” kutsho uMfundisi Xolile Zimema oye namalungu ebandla eSajonisi ngokuthunywa nguMprofeti Izwilezwe Radebe.

“Sikhala nabo njengamaAfrika. Utata [uRadebe] udla ngokuthi akukazokuba ngcono ezweni, ngoko ke kufuneka sincedise.”

Usodolophu Mlombile-Cingo, ekhatshwa ngumbhexeshi nooceba balo masipala, wenze umbulelo phambi kokuba abahlali bombulelwe ngeengubo neepasile zokutya.