Icebo elitsha lokulwa namasel’ aseNgcobo

Abahlali baseNgcobo beze necebo elitsha lokulwa namasela agqugqisa le dolophu.

Ngaphambili, xa isela lithe labanjwa lidla ngokubethwa phambi kokunikelwa emapoliseni, icebo elilandela elo ibe kukufuthwa ngesintywizisi. Kungoku nje kongezwe nolunye uhlobo lokohlwaya la masela kule dolophu.

Abahlali baseNgcobo bazama ngandlela zonke ukulwa namasela abizwa ngokuba ngamaBhere.

Isela linyanzeliswa ukuba lingene umzi nomzi elakhe lathengisa kuwo impahla ebiweyo. Olu gqogqo lwenziwa ngabahlali nala masela, kuthathwa impahla ebiweyo kule ndawo ithengiswe kuyo ibuyiselwe kule ndawo ibiwe kuyo.

Ezinye izinto zithengiswa kwiilali ezithe qelele, kodwa abahlali bathi nokuba ziphantsi kwamanzi izinto zabo ezibiweyo amasela mawakhombe indlela aya ngayo kwezi ndawo.

Kule Cawe sisuka kuyo kubanjwe abafana ababini beqhekeza baza bancwinwa nangezinye izinto abakhe baziba ngaphambili.

Esi sibini siphele sichaza nabanye oogxa baso, bade bafikelela kwisithandathu.

Baphume ngendlu abahlali kuqokelelwa iimpahla ezolathwe ngala maBhere, phakathi kwezinto ezithe zafunyanwa ziimpahla zokunxiba, izihlangu, izitya, iimbiza, iingubo, iminxeba emibini kunye nebhedi.

Le bhedi yekamhakhulu wasekuhlaleni owangenelwa ngobusuku kwinyanga ephelileyo wothulwa kuyo wavuka sele bemkile oonqevu yena elele phantsi.

Abahlali baye babamba intlanganiso emva kokufunyanwa kwezi zinto, yaye bathi ezinye iimeko zobusela zinako ukunqandeka. Bagxekana bodwa ngokuthenga izinto ezibiweyo.

UNosipho Hlwele oyikomiti yesitalato iMasonwabe uthi, ‘’xa kungena umfana ethengisa iimbiza uthi uzithathaphi, mzali xa umntwana wakho umbona enefowni ongayithenganga uthi ivelaphi xa ungayiphandi?’’

USazi Ngcobo oyikomiti naye uthi imbi le nto yenziwa ngabahlali, uthi ‘’xa singakhuselani ngubani oza- kusikhusela, la masela aza kusingenisa kule mizi athengisa kuyo izinto ezibiweyo kulungile sibazi abantu abathenga izinto ezibiweyo ekuhlaleni namhla kwalahleka ezinye izinto siza- kujonga apha kubo.’’

Aba barhanelwa banikezelwe emapoliseni kulindelekeukuba bavele enkundleni kule veki.