Icela amancedo inkosikazi ebeleke abantwana abalishumi ngaxeshanye

Inkosikazi yaseRhawutini ebeleke abantwana abalishumi, ngaxeshanye, icela amancedo isithi ayinakukwazi ukumelana nalo mthamo ngokwezemali nangokomphefumlo.

UGosiame Thamara Sithole, 37, ubeleke aba bantwana kwisibhedlele sasePitoli ngokuhlwa kwangoMvulo, watsho esophula irekhodi lehlabathi leGuiness likaHalima Cissé obeleke abantwana abalithoba eMorocco kwinyanga ephelileyo.

UGosiame Thamara Sithole nomyeni wakhe uTeboho Tsotetsi UMFANEKISO: Thobile Mathonsi/African News Agency (ANA)

Umyeni wale nkosikazi uTeboho Tsotetsi uthi uSithole, osuka kwilokishi yaseTembisa Ekurhuleni, ubeleke amakhwenkwe asixhenxe namantombazana amathathu emva kokusetyenziswa kwesikere.

“Ebeneenyanga ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe ekhulelwe. Ndichulumancile. Ndineemvakalelo,” utshilo uTsotetsi, ongaphangeliyo.

USithole, okwanamawele aneminyaka emithandathu, uxelele iPretoria News kwinyanga ephelileyo ukuba wayengayikholelwa ekuqaleni kwalo nyaka xa wayexelelwa ngoogqirha ukuba ukhulelwe abantwana abathandathu (sextuplets), phambi kokuba olunye upopolo luveze ukuba unabantwana abasibhozo (octuplets).

UGosiame Thamara Sithole nomyeni wakhe uTeboho Tsotetsi UMFANEKISO: Thobile Mathonsi/African News Agency (ANA)

Abanye ababini zange babhaqwe ekuqaleni kuba babekumbhobho ongafanelekanga, ngokokutsho kukaSithole.

USithole, ongumanejala evenkileni, uthi kwakumothusile ukukhulelwa olu hlobo. Uthi kwakunzima ekuqaleni, egula. Ukwathe khange akunyangele ukukhulelwa.

UNjingalwazi Dini Mawela, isekela ntloko kwisikolo sezobugqirha eSefako Makgatho Health Sciences University, uthi imeko kaSithole inqabile kwaye ivame ukubangelwa lunyango lokufuna ukukhulelwa.

Aba bantwana baza kugqiba ezi nyanga zizayo kwizixhobo zokukhulisa abantwana ngenxa yokuba bebekhulelwe “ngomngcipheko ophezulu”, utshilo uMawela.

Isithethi solu sapho uMakgoshi Maponyane, ongumseki weFacade Estilo, uthe: “Nabani na ofuna ukuncedisa angaqhakamshelana nam kwi info@facadeestilo.co.za okanye ku 076 917 7347. Abo bafuna ukuncedisa ngqo kusapho bangasebenzisa ezi nkcukacha ku-Nksk GT Sithole [Absa] 9354679538 okanye uMnu. Tsotetsi [Capitec] 1488629054.”

Igosa eliyintloko kwezemisebenzi kwi-Independent Media, uTakudzwa Hove, uthi amalungu oluntu amkelekile ekuseni izinto zokunceda olu sapho kwii-ofisi zale nkampani (Independent Media) eGoli, ePitoli, eKapa naseThekwini