Icela ibheyile inkosikazi yaseGcuwa

KULINDELEKE ukuba afake isicelo sebheyile ngomso owasetyhini ojongene netyala lokuhlaba abulale indoda athandana nayo kumatyotyombe aseSkiet eGcuwa kwimpela veki esisuka kuyo.

USizeka Mangala onamashumi amane anesithoba (49) ubudala uvele phambi kweenkundla zamatyala eGcuwa ngoMvulo nalapho angakhange anikwe thuba lakucela ibheyile.

UMangala usashiyeke ngaphakathi kugcino lwamapolisa. Ixhoba lona elithe lahlatywa nguNyameko Mahlathi onamashumi amathathu anesihlanu (35).

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackon Manatha wadiza ukuba esi sibini sasifika kwityotyombe laso emveni kwentsimbi yeshumi ebusuku ngoLwesihlanu.

“UMahlathi bathi xa befika noMangala wafika wafuna ukutya ngenkani nalapho owasetyhini waphendula ngelithi, njani sifika sobanini, ukungavisisani kwavela apho nowaye warhuthula imela wahlaba indoda leyo yakhe kumzimba ongentla neyathi yabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo,” utsho uManatha.