IChina ixhasa iGNU

UMongameli Cyril Ramaphosa ekunye noMongameli uXi Jingping waseChina. Umfanekiso: Xinhua

UMongameli welizwe laseChina uXi Jingping uvakalisa inkxaso yelizwe lakhe ngakuRhulumente wobumbano (GNU) welizwe loMzantsi Afrika.

UMongameli uXi Jingping uthi unethemba lokuba uMongameli weli uCyril Ramaphosa uza kwenza kakhuhle ukukhokela lo Rhulumente wendibanisela.

Ilizwe loMzantsi Afrika likuqhogwano nelizwe laseChina ngenxa yeBRICS.

Ukuxhaswa kwalo Rhulumente wendibanisela yiChina kuvela xa kanye zibambene ngobhongwana iANC kwakunye nogxa wayo ophambili iDA ngenxa yeyantlukwano.

Ukuxhaswa kweGNU nguRhulumente welizwe laseChina kuthetha ukuba ela lizwe liza kuqhubeka ngaphandle kwamathandabuzo neenkqubo zalo zobudlelwane eziquka urhwebo noshishino kunye noMzantsi Afrika.

Ilizwe laseChina liphantsi kolawulo lombutho omnye iCommunist Party of China (CPC) ukusukela ngonyaka ka1949.

I-CPC yaseChina ngowona mbutho mkhulu wezopolitiko kwihlabathi ngamalungu angamashumi alithoba anesihlanu ezigidi.

IChina, India, Brazil, Russia kwakunye noMzantsi Afrika baqala umbutho wokuqhogana kwimicimbi eyahlukeneyo equka urhwebo noshishino. Umbutho wabo obizwa ngokuba yiBRICS sele unabaxhasi abangenelele bephuma nakumanye amazwe ehlabathi.