Ekugqibeleni iChippa United iza- kudlala eMonti imidlalo yayo ethile ye-Absa Premier Soccer League. Oku kuza emva kwesibhengezo esenziwe ngusodolophu weBuffalo City, * -Alfred Mtsi noLukhanyo Mzinzi weChippa United.
Abaphathi beli qela bagqibe kwelokuba bayinabise imidlalo ukuze nabanye abantu abangakwaziyo ukufikelela eBhayi ngenxa yezizathu ezithile balifumane ithuba lokufumana imidlalo ekumgangatho ophezulu. Umdlalo wokuqala uzakube uphakathi kweChippa United ne-Ajax Cape Town emalanga ngeCawa.
Usodolophi weBuffalo City uwacelile ke amajelo eendaba ukuba adlulise umyalezo wakhe ebantwini othi abantu mabaye kule midlalo ngobuninzi babo. Kungakubi kakhulu ukuba iChippa ingezela ilize eMonti ingakumbi ngoku kubonakalayo ukuba noko iqhuba kakuhle nakwimidlalo yePSL kule sizini.
Njengokuba usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, wathi wanomnqweno wokuba neqela elidlala kumgangatho ophezulu, lo nto wayengayenzeli yena kuphela.
Ubukho beli qela apha eMpuma Koloni beseza kudlala indima enkulu. Xa sineqela lethu apha, abantwana balapha bazakuthi bafumane ithuba lokuzalisekisa amaphupha abo [kulo] wokudlala kwibhola yehlabathi.
Kodwa lo nto eyingekhe yenzeke ukuba ayiqiniswa ngabantu baseMpuma Koloni ngokuthi baye ebaleni ngeliyo kunika inkxaso kwiChippa.
Nathi sizeka emzekweni ngelithi ebantwini masilisabele ikhwelo, siye ebaleni ngeCawe. Imidlao imnandi ngokuba iyabadibanisa abantu kwaye lowo uyinyamekeleyo iyamphakamisa kakhulu. kwelinye icala siyiqale kakubi le veki emva kokufumana iindaba zokubhubha kukaMondli Cele obedlalela iMaritzburg United.
Lo mdlali ebekhona ngethuba iqela lakhe belidlala ne-Orlando Pirates ngoMgqibelo odlulileyo ebusuku, kwaye ufake igowuli kumdlalo ophele ebambene ngo’3-3. Lala ngoxolo Cele!
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni