Phambi kokuba singene kulo mxholo wechiza likaGawulayo, singathanda ukuthi gqaba gqaba ngalo mba wokubanjwa kukamam’ uNomasikizi Konza.
UKonza, kwabo bangamaziyo, ngusosithili kamasipala wengingqi yase-Amathole. Utyatyekwa ngezityholo zokurhwaphiliza izigidi zeerandi. Uphume ngebheyile ye-R15 000, kwaye kulindeleke ukuba abuyele enkundleni phaya kweyeKhala.
Okwangoku uzakuqhuba ngomsebenzi wakhe kwamasipala. Ziindaba ezinkulu ezi, kwaye zifuna ukuxoxwa banzi ngoomasipala abaphantsi kwengingqi yaseAmathole. Sakukhe sibone ukuba iyakuzala nkomoni na. Siyakuqinisekisa ukuba siyalilandela eli tyala, kwaye siniphakele ngobunjalo balo.
Ukubuyela kumxholo wanamhlanje, ichiza likaGawulayo, sifumene imibuzo ngalo. Owokuqala uthe gqi ngentseni yayizolo kudliwano-ndlebe nejelo losasazo lasekuhlaleni nalapho bebefuna ukwazi ukuba ingaba ingxelo yethu esihloko singu “ichiza likaGawulayo lizakuvavanywa eMzantsi Afrika” ithetha ukuba siyiphumelele imfazwe? Hayi. Luvavanyo.
Kuzakuvavanywa iHVTN702 ekukhangeleka ngathi iyakwazi ukomeleza amajoni omzimba. Into eye ingahlali kamnandi kuthi xa kusenziwa uvavanyo olulolu hlobo ngumba wokuba abantu abazakuthatha inxaxheba kuvavanyo bakhethwa njani?
Siyakukhumbula ukuba ayikokokuqala kusenziwa uvavanyo olulolu hlobo kweli lakuthi. Umzekelo kwaZulu Natala kwakhe kwayiwa kwakhethwa abantu abahluphekayo bethenjiswa ngentlawulo xa bethathe inxaxheba. Babhatalwa, kodwa uvavanyo lona zange lusebenze. Kwashiyeka abantu besosuleleka ngugawulayo.
Andithi kaloku xa ufuna ukujonga ukuba ichiza lizakunqanda uGawulayo kufuneka usebenzise abantu abangenaso isifo. Kufuneka ubatofe ngechiza elo, wakugqiba ubosulele ngoGawulayo, ujonge ukuba bayosuleleka na.
Ukuba liyasebenza, kuhle. Ukuba alisebenzi ushiyeka nabantu abasuleleke nguGawulayo. Unzima umcimbi wezinto ezinje ngoba kufuneka zenziwe.
Akonelisekanga ncam umqeqeshi ngumsebenzi weSundowns