Usihlalo wombutho weeNkosi kweli iContralesa, uNkosi Mathupa Mokoena, uthi umthetho mawudlale indima yawo kwiNkosi yaseXhorha evele kumakhasi onxibelelwano ibetha amakhosikazi amabini.
UNkosi Avela Ngubesilo Njuqwana ubanjwe wavelelwa ngamapolisa kwaye bekulindeleke ukuba avele enkundleni ngomhla wesithathu kule nyanga.
Ingxelo yelinye lamaxhoba ithi uyise wale ndoda wabhubha ehamba nexhoba, ngoko iNkosi le ikholelwa ukuba uyise wabulawa ngulo mama.
“Le Nkosi ihlaze ubukhosi bonke, yahlaza nosapho lwayo kwakunye nesizwe sayo ngokubanzi, ngoko onke amanyathelo asemthethweni mawalandelwe,” kutsho uMokoena.
UMokoena uthi ibhunga lobukhosi besizwe ephuma kuso le Nkosi kufuneka sikhangele okokuba ikufanele ngenene na ukuba ibambe isikhundla sokuba yiNkosi.
“Singumbutho weeNkosi eMzantsi Afrika silusizi zizenzo zomntu ekumele ukuba ukhomba indlela entlalweni yabantu, kodwa asuka abenze izisulu zakhe,” kutsho uMokoena.
Ukubethwa nokubulawa kwabantu abadala ingakumbi abangamanina betyholwa ngokuthakatha kuxhaphakile kuninzi lweendawo zeMpuma Koloni.
“Simemelela kwiinkundla zethu ukuba zisebenze ngale Nkosi ngendlela efanelekileyo kungaboniswa nceba ngakwisenzo esifana nesi,” utshilo uMokoena.
Ukungaxhotyiswa ngembali nolwazi olululo kweeNkosi ezincinci kwenza ukuba zingawazi owona msebenzi wazo kwizizwe zooyise mkhulu.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine