IContralesa ikhahlela kuSam Nzima

Umbutho weeNkosi iContralesa eMpumalanga unike imbeko igqala lomfoti weli uSam Nzima nje emva kokuvakala kweendaba zokubhubha kwakhe.

UNzima uzenzele igama kumsebenzi wakhe wokufota nokuba nguye owathatha umfanekiso kaMbuyisa Makhubu owayephethe umzimba kaHector Peterson kuqhankqalazo lwabafundi ngeyeSilimela ngo1976 eSoweto.

USam Nzima ubhubhele kwisibhedlele iRob Ferreira eNelspruit kwiphondo laseMpumalanga emva kokuwa ngoLwesine weveki ephelileyo.

UNkosi Lameck Mokoena weContralesa eMpumalanga, uthi uNzima udlale indima ebalulekileyo ngamaxesha anzima kwidabi lenkululeko kweli.

“Sithuthuzeleka ngokumandla ngenxa yokuba umsebenzi wakhe ngexesha lakhe lokuphila ubonwa nguye wonke ubani. SiyiContralesa sibulela kakhulu kusekela mongameli David Mabuza ngokunika imbeko umsebenzi kaSam Nzima,” utshilo uMokoena.

IPalamente kaZwelonke eKapa ingenelele ukwenza amazwi ovelwano kusapho lukaNzima emva kokuvakala kweengxelo zokubhubha kwakhe.

“UNzima ube yinxalenye yesizukulwana sabafoti ababekwazi ukusebenzisa amandla ekhamera ukwenza igalelo labo kumzabalazo wenkululeko, bebalisa amabali abo ngokufota,” itshilo ingxelo yePalamente.

Encokola ngomsebenzi wakhe wokufota nephephandaba iStar ngo2013, uNzima wathetha wathi. “Ndabona uHector Peterson esiwa, kwangoko ndabona uMbuyisa Makhubu emphakamisa, ndabaleka ndasondela ndathatha umfanekiso kwangoko,” watsho uNzima. Umfanekiso wakhe usengowona ulibalisa ngcono ibali lentlekele yabafundi baseSoweto ngenyanga yeSilimela ngo1976.

“Inqwelomafutha yethu yayi yeyona ikufutshane. Samthatha uHector samfaka kuyo wabalekiselwa kwikliniki yasePhefeni,” watsho uNzima.

Ngethuba lokuthatha kwakhe lo mfanekiso, uNzima wayesebenzela iphephandaba iWorld phantsi komhleli wodumo welo xesha uPercy Qoboza.

Ngenxa yemithetho emininzi eyayingqongqo malunga nokupapashwa komfanekiso, kwabakho ingxoxo eshushu malunga nokupapashwa kwalo mfanekiso. Ekugqibeleni uPercy Qoboza wathatha isigqibo sokuwusebenzisa lo mfanekiso kaSam Nzima.

UNzima ubhubhe ngoMgqibelo umhla weshumi elinesibini kule nyanga kaCanzibe eminyaka ingamashumi asibhozo anesithathu.

Ukanti akakaziwa indawo awayakutshona kuyo uMbuyisa Makhubu ofunqule umzimba kaHector Peterson, ingxelo zokugqibela zazimkhombe eCanada, kutyholwa ukuba sele egula ngengqondo kwelo.

UNzima uza kungcwatyelwa eLilldale eMpumalanga ngoMgqibelo umhla weshumi elinethoba.