ICosatu

ephondweni

inyevulela

inkongolo

AMALUNGU eemanyano zabasebenzi eziphantsi komfela-ndawonye weCosatu eMpuma Koloni athi ebengamelwangwa kwinkomfa kazwelonke yalo mfela ndawonuye ebibanjelwe eGhallagher Estate eGoli ebutsheni bale veki.

La malungu athi ngamasebe adla ngokukhupha abathunywa bayobamela xa kukho inkomfa kodwa khange kwenzeke njalo kwinkomfa yamva nje. “Abathunya ebekusithiwa bamele iimanyano zeCosatu eMpuma Koloni ibingamalungu akhethwe ligqiza elijongene nephondo lethutyana,” utshilo uMcekeleli Ndongeni wemanyano yeSadtu kwakweli phondo. OkaNdongeni uqhube wathi, “Bakhethe abantu ababaziyo ukuba bazakuthobela, benze lo nto kuthwa mabayenze, baqhwabele wonke nje uvobe obuthethwa phaya.”

Ilungu lemanyano iFawu elicele ukuba singalikhankanyi lithi amandla athathiwe kubasebenzi ligcuntswana elikhokele umfela ndawonye. “Inkomfa esiyibonileyo ibingaqinisi lumanyano kwi Cosatu, ibiyoqinisekisa ukuba iNumsa ivalelwa ngaphandle nonobhala (uZwelinzima Vavi) akabuyeli kwisikhundla sakhe,” litshilo eli lungu. Noka- Ndongeni ukungqinile oko esithi, ngumbutho we -ANC ongunobangela wayo yonke impixano ekwiCosatu.

UNdongeni uthe, “Inkathazo iqale ngethuba uVavi ethetha phandle ngobuqhetseba, kwaqala uGwede mantashe wathi akayithandi indlela iCosatu ezibeka ngayo izikhalazo, uS’dumo Dlamini wathi osele ekwisigqeba esilawula i-ANC wathi, mabangaxhali uzakumlungisa lowo wenza lo nto.”

Ukwathe uFikile Majola osele elilungu lepalamente wayememelele ukuba iCosatu yohluke kubini, imsuse uVavi.

Ulebele ngelithi, yintlanganiso ecetywayo equka bonke abasebenzi, ngaphandle nangaphakathi kwiCosatu ezakuza nesigqibo ngemanyano yabasebenzi.