ICTU: ITiso Blackstar ithi zingahamba iintatheli ezigwayimbileyo, uza kukhangela ezinye esitalatweni

Iintatheli zephephandaba iDaily Dispatch eMonti zingenele ugwayimbo ngentsasa yangoMvulo, befuna umqeshi wabo iTiso Blackstar Group ukuba asombulule izikhalazo zabo ngemirholo kwanempathombi IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE

IMANYANO yabasebenzi abaziintatheli kumaphephandaba eTiso Blackstar Group, i-Information Communication Technology Union (ICTU), ibanga ngelithi umqeshi uxelele ezinye zeentatheli ezikugwayimbo kula maphephandaba ukuba akukho nto “ibalulekileyo” ngentatheli “kuba ingafunyanwa nasesitalatweni”.


Oku kuvakaliswe nguMongameli weICTU uMoeketse Lepheana ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa ngoMvulo emva kokuba iintatheli zamaphephandaba eTiso, iSowetan, Daily Dispatch neHerald, zithe zangenela ugwayimbo kwinto abayichaza njengokungcikivwa ngumqeshi wabo.

Ezi ntatheli zikhalazela, phakathi kwezinye izinto, ukungahlawulwa bhonasi iminyaka emihlanu, ukungonyuselwa mivuzo kulo nyaka kwanokungalingani kwemivuzo phakathi kweentatheli ezimnyama nezo zimhlophe.

ULepheana uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba “kukho ukudelelwa kwabasebenzi” yiTiso Blackstar.

“ITiso Blackstar ithi noba bangahamba bayishiye inkampani abo bagwayimbileyo. Ithi intatheli ngumntu njee obhala amanqaku, onokufunyanwa nasesitalatweni. Oku kubonisa indlela abadelelwa ngayo abasebenzi.

“Intseni yangoMvulo ide yaphela oko sibafowunela. Abaphenduli minxeba yethu, ababuyeli nakwimiyalezo yethu yefowuni. Sikulungele ukuphindela kwisithebe sengxoxo kodwa lona ugwayimbo lwakuqhuba de kube kanti babeka into eyonelisa abasebenzi etafileni,” utshilo uLepheana.

KwiDaily Dispatch eBeacon Bay, iintatheli kwanoogxa babo abafana nabafoti kwanabakhwezeli, bebephethe amaphekepheke, idolo liphezulu isitsho ingoma. 

Amanye wala maphekepheke, xa etolikwa ngesiXhosa, afundeka ngolu hlobo, “Kukwahele eTiso”, “Kudala sibika amabali wabanye abantu, ngoku lixesha lokuba sibike awethu”, “Amandongomane yinto yeenkawu”, “Hlonipha iintatheli zethu”.

Intatheli yeDaily Dispatch, esingenakuyichaza ngegama ithe: “Into esiyikhalazelayo kukuba asikhange sonyuselwe mivuzo kweyoMqungu. Kwakhona, yiminyaka mihlanu singafumani bhonasi. Enye into engasonwabisiyo kukungalingani kwemivuzo phakathi kwabasebenzi abamnyama nabamhlophe.”

Enye intatheli ithe: “Ukuba abasiphenduli, asokuze senze nelinye ibali malunga nolonyulo.”

USekela Mlawuli kwiTiso Blackstar uMoshoeshoe Monare uthi abasebenzi abakugwayimbo bagwayimbela ibhonasi, hayi ezinye zezinto eziphakanyiswe ngethuba logwayimbo, watsho esithi kusemdleni wabo wokuba izinto zisombululeke.

“Abantu xa bekugwayimbo baphakamisa izinto ezininzi. Ngokolwazi lwethu nangokwesetifikethi seCCMA ugwayimbo lumalunga nebhonasi, kwaye sifuna ukuyibethelela eyokuba aziyonyani iingxelo zokuba iTiso Blackstar ayiyihlawuli ibhonasi.

“Ibhonasi asiyihlawuli nje kuphela, kukho izinto ezilandelwayo phambi kokuba siyihlawule kwaye ndingaqinisekisa ukuba bakhona abantu abakhe bayifumana ibhonasi eTiso,” utshilo uMonare.

Kumabango kaLepheana, okuba iTiso ithi intatheli ingafunyanwa nasesitalatweni, uMonare uthe: “ULepheana yindalo yakhe ukubaxa izinto. Ngabasebenzi bethu aba, asoze sithethe into enjalo ngabo. Ukuba uthi kukho umanejala okanye igosa elithethe lo nto, makeze nobungqina.”