Icwecwe elitsha likaBongeziwe lingena nzulu kubomi bakhe

Imvumi yoMzantsi Afrika uBongeziwe Mabandla

“UKUBA ubujonga kakuhle ubomi, uyakubona ukuba sisipho kwaye bungumangaliso,” kutsho uBongeziwe Mabandla oyimvumi yoMzantsi Afrika ngethuba encokolela I’solezwe ngecwecwe lakhe elitsha.

Icwecwe likaMabandla, elibizwa ‘Mangaliso’ eliphume kwiintsukwana ezimbalwa ezidlulileyo, libalisa ibali ngobomi bale mvumi, imingeni yobomi kwanezinto ihlangabezene nazo.

Eli lilandela icwecwe lakhe lokuqala elibizwa ‘Umlilo’.

UMabandla, onkaba yakhe ikwidolophu yakuTsolo, akaqali ukuvela njengemvumi evelisa uncuthu lomculo ngolwimi lwesiXhosa. Kaloku sele esaziwa ngeengoma zakhe ezifana noGunuza, Isizathu nezinye ezithandwayo.

Eli cwecwe lakhe litsha, uMangaliso, uqulethe iingoma ezilishumi elinanye ezifana nethi: Wena Mangaliso, Ndokulandela, Ndofel’ apha njalo njalo.

“Azange ndicinge, kwaye ndibone ubomi njengomangaliso ngaphambili, ngoko kuthe oko kwakukwenzeka, ndabona ilithuba elihle lokubiza eli cwecwe njengoMangaliso,” kuncokola uMabandla.

UMabandla, owafundela umculo nokuba ngumdlali wemiboniso kamabonakude eAFDA eRhawutini, ukhe wathi tshe kwimidlalo kamabonakude efana neGenerations.

Ukuvela kwesakhono sakhe sokucula, uye wenza iingoma nabadumileyo kwiqonga lomculo abafana noLulo Cafe’, iWe Will Worship noCuloe De Song.

“Ndiziva ndonwabile kuba yiminyaka emihlanu yonke ndingakhuphi mculo mtsha. Ndithathe ixesha eloneleyo ukuvelisa into endiqondayo ukuba izakondla imiphefumlo yoluntu.”

UMabandla, nowaphumelela iimbasa ezimbini njengeBest Newcomer neyeBest Adult Contemporary kwiSouth African Music Awards ngo-2012, uthi ukholelwa ukuba eli cwecwe liveza ukukhula kwakhe.

“Ndikhulile kule minyaka mihlanu idlulileyo kwaye oko ndifune ukubonisa ngomsebenzi.”

Uthi kweli cwecwe ukrobisa abantu ukuba ungubani. “Abantu bazakundazi ngcono ngoku. Kwaye ndiyacinga noko ndithande ukukhula njengakwicwecwe lam lokuqala.”

Uthi kweli cwecwe usebenze noSpoek Mathambo, uTiago okwalilungu le-340 ml, uTumi and the Volume noKyla weFreshly Ground.

UMabandla uzakube etsholoza eKapa ngomhla we-20 ne-21, eRhawutini eKitcheners ngowe-26 naseThekwini kwiZakifo Festival ngowe-29 kuCanzibe.

Icwecwe liyafumaneka kwivenkile ekufutshane nawe.

simphiwe.freddie@inl.co.za