iDA isisifu ngumsindo eBhayi

UNqaba Bhanga nooceba beDA baqumbe basisifu kukugxothwa kukaJohann Mettler njengomanejala womasipala waseNelson Mandela

Bafunge bamunc’ iintupha bathi bazakuzibek’ esweni iinkuntsela zamasela ezikhokela kumasipala waseNelson Mandela.

La mazwi athethwe ngusihlalo weDA, uNqaba Bhanga, ngethuba lo mbutho ububambe ikomfa noonondaba kwisakhiwo se ofisi zawo kule mpelaveki siyishiyayo.

IDA ibize le komfa emva kokushenxiswa kukaJohann Mettler obengumanejala wesixeko kulo masipala kwintlanganiso yebhunga ebihleli ngoLwesine weveki ephelileyo kwafaka unkosazana Nolwandle Gqiba njengebambela endaweni yakhe.

Uhambise wathi ukususwa kwalo manejala kwesi sihlalo ligumgedle nephulo likasodolophu uMongameli Bobani lokubuyisela ubuqhophololo nokutyiwa kwemali kule ndawo.

UBhanga uthethe wathi lo kaMettler ube sisisulu sokuleqwa nokuzondwa ngulo kaBobani njengabo bonke oomanejala abadlulileyo ebala ugqirha Lindiwe Msengana-Ndlela njengomnye wabo.

Uthe lo kaMettler ubezijul’ ijacu emsebenzini wakhe, equbisana nezigila-mkhuba kwicala lobuqhophololo.

“Ndimxelele naye lo kaGqiba ukuba sizakuba phezu kwakhe, sizakuhlala simthe ntsho, asizi kuluvumela udyakrazo nobuqhophololo luqhubeke sijongile, sizakwenza konke okusemandleni ethu side sibase nakwiinkundla zamatyala!” utshilo. URetief Odendaal onguceba walo mbutho kulo masipala uthe uMettler ukhatywe engenabhola ngulo rhulumente, watsho esithi isixeko sonke silahlekelwe.

Ibe ngamahintsi-hintsi ukufumana amazwi kusodolophu uBobani malunga nokushenxiswa kukaMettler kwada kwalixhaphetshu.

Ngelinini kungene isithethi salo masipala, uMthubanzi Mniki, esithi uyaxolisa ngokuthatha ixesha ukuza nempendulo wabe selesithi lo ngumba o-ethe-ethe abangenokufane bathethe ngawo esidlangalaleni. Esithi iseyindaba ephakathi komqeshi nomqeshwa.