Idala amathuba engqesho imveliso yombane ohlaziyekileyo

UKUBA phantsi koxinizelelo lemveliso yombane kweli kuvule amathuba kwiindlela ezikhawulezileyo zokuvelisa umbane.

Enye yezo ndlela ngumbane ohlaziyekileyo, nonike ithuba inkampani yaseSpain i-ILB Helios ivule iingcango kweli ngonyaka ka2010.

Ingqonyela yale nkampani uDavid Nunes uthe, “Luphuhliso lwezorhwebo elasikhokelela kumathuba emveliso yombane welanga kweli loMzantsi Afrika. Kwakungaphambi kokuba urhulumente weli aqalise iphulo elibizwa ngokuba yiREIPP ukuqala kwethu iingxoxo noIDC.

Savumelana ukuba sizakuvelisa imveliso etsala umbane elangeni esemgangathweni ophezulu.” Ukuvulwa kweengcango zale nkampani kweli kukhokelele ukuba isebe layo eliseIDZ eMonti ibeliziko lemveliso ethunyelwa nakwamanye amazwe.

“Okwangoku siqeshe amashumi amathandathu abasebenzi, sinenjongo yokulikhulisa eli nani libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu ungaphelanga lo nyakamali,” utshilo uNunes. Le nkampani ikwinqanaba lesthathu leBEE. Malunga no55 wepesente uphantsi koILB Helios International, uIDC uneshumi elinesixhenxe lezabelo, aphinde abenengxowamali yabasebenzi eneshumi lezabelo, ize inkampani uKambai ekhokelwe nguPatrick Nawa ibeneshumi elinesibhozo lezabelo.

“Injineli zethu ziphuma eSpain naseJamani, ziyaneliseka kukuqeqesha uluntu lweli njengendlela yokudlulisela ulwazi. Abantu boMzansti Afrika bayawuqonda umgangatho wemveliso esiwufunayo, kwaye bazinikele ekuwuphumezeni,” utshilo uNunes.

Ukwathe iimfuno zemveliso zikhokelele ukuba bacele imali mboleko eyongezelelweyo yi-IDC ukuze ithenge izixhobo ezintsha, ubuchule izixhobo enazo, ithenge oko ikudingayo kwimveliso yayo. Izakufumana imali mboleko ebalelwa kumashumi amane ezigidi zeerandi kwi-IDC khon’ ukuze iphumeze ezi njongo.

UDavid Lee ojongene nezentengiso nophuhliso loshishino kule nkampani uthe, “Okwam kukuza neendlela ezintsha zentengiso, zokuqinisekisa ukuba imveliso yethu iyathenga, sakha ubudlelwane nabathengi. Sikushishino olunika umdla, siyenye yeenkampani zokuqala ukuza nale mveliso, nto leyo isinika amathuba amahle.”

Ukuza kuthi ga ngoku imveliso yale nkampani ifikelela kumazwe afana neMozambikhwe, iBotswana, iZambia ukuya kutsho kwelaseKenya.